1. 1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) liqeshe umboneleli-nkonzo ukuba ase iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1-6 zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala (Literacy and Numeracy workbooks) kubo bonke abafundi.
2. Ezi ncwadi zomsebenzi zisiwa ngqo ezikolweni. Ukusiwa kwazo kwaqalwa nge-17 Januwari eNtshona Koloni.
3. Ezi ncwadi zomsebenzi zabafundi ziprintwe ngazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni ezili-11 kwaye ziya kusiwa ngokolwimi, amanani obhaliso abafundi nangokwamabakala kwisikolo ngasinye. I-DBE isebenzise idatha ye-EMIS ekhoyo yakutshanje nenikwe ngamaphondo ukulungiselela ukwabiwa kwazo (allocation) kwisikolo ngasinye. Abafundi bamaBakala 1-3 baya kufumana iincwadi zomsebenzi zolwazi lokufunda nokubhala ngoLwimi lwaseKhaya (Home language) olufundiswa esikolweni, lo gama iincwadi zomsebenzi zolwazi lokubala kumaBakala 4-6 ziya kuba ngolwimi lokufunda nokufundisa lwesikolo. Ukongeza, iincwadi zomsebenzi zamaBakala 4-6 zibonelelwa ngoLwimi lwaseKhaya lwesikolo ngasinye.
4. Kusekwe iziko lefoni (086 136 3600) lezikolo ukulungiselea izikolo ukuba zixele nakuphi na ukushota kwenani leencwadi zomsebenzi kunye/okanye iinguqulelo zeelwimi ezingachanekanga ezithe zasiwa kuzo , ukuba zikho.
5. Kucelwa iinqununu ukuba zizalise le fom yesaveyi ehamba kunye nolu xwebhu (Addendum A) zize ziyithumele kumphathi wekomiti yesekethe wazo ungekadluli owe-28 Januwari 2011. Le fom yesaveyi ithatha indawo yefom ekwafana nayo eyayithunyelwe yiDBE. Izithili ziya kuyihlanganisa ingcaciso kwezo fom lize iSebe iWCED lenze ingxelo ngayo kwiDBE.
6. Ezi ncwadi zomsebenzi mazisetyenziswe kunye neeshedyuli zomsebenzi zeWCED okanye nezicwangciso zezifundo (lesson plans) zeDBE, kwakunye neencwadi zezifundo (textbooks) kunye nezinye izibonelelo.
7. Iincwadi zomsebenzi ziincwadi ezisetyenziswa zigqitywe (are consumable resources). Kufuneka kwakhona abafundi babhale kwiincwadi zabo zokubhala imisebenzi (exercise books) basebenzise neencwadi zabo zezifundo zolwazi lokubala/ zemathematika ukwenza umsebenzi weklasi nokwenza umsebenzi wasekhaya yonke imihla.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:24

"Addendum A: Monitoring the delivery of grade 1-6 learner workbooks"  (ubukhulu: 20 KB)