1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lizinikele ekunikeni inkxaso eqhubeka okokoko nasekomelezeni ukufundiswa kweeSayensi zeNdalo kwiSigaba esiPhakathi nakwiBakala 7.
2. ICandelo leKharityhulam yeGET linovuyo ukwazisa ukuba izikolo eziyi-217 ezikwinqanaba lentlupheko 1 kunye nee-ofisi zezithili zemfundo eziyi-6 ziya kufumana nganye ikhithi yeeSayensi zeNdalo ezikwitroli. Kuqhotyoshelwe apha ilisti yabo baza kuzifumana NJENGESIHLOMELO A yaye okungaphakathi kwiikhithi zeeSayensi zeNdalo kudweliswe KWISIHLOMELO B. Ukongeza, idrowa nganye yekhithi yeeSayensi zeNdalo iya kuba nemifanekiso elaminethiweyo yezinto neelebhile eziqhotyoshelweyo, ukunceda ootitshala bagcine i-inventri.
3. Iinqununu zezikolo neentloko zezifundo zeeSayensi zeNdalo maziqinisekise ukuba okufakiweyo kwikhithi yeeSayensi zeNdalo kusiwa esikolweni sabo ngu-Edutrade, umboneleli-nkonzo. I
4. Ikhithi yeeSayensi zeNdalo ziya kusiwa ezikolweni ngethuba eliqalela kowe-21 Novemba 2011 ukuya kwi-10 Februwari 2012.
5. Abacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zeNdalo nootitshala abakhokelayo baya kuqeqeshwa ekusetyenzisweni kwesi sixhobo. Izithili ziyakucwangcisa inqubo yokuqeqeshwa kwezikolo zonke ezifumene ikhithi yeeSayensi ngo 2012. Izikolo ezingakwaziyo ukusebenzisa esi sixhobo kufuneka zisigcine ngokunqatyisiweyo de zibe zifumene uqeqesho.
6. ISebe iWCED linethemba lokuba ezi khithi zeeSayensi zeNdalo ziya kukhuthaza ukufunda nokufundisa ngokuthi zikhuthaze umsebenzi wepraktikhali. Kubalulekile ukuba abafundi benze kwaye baziqonde ii-experiments ezifunwa yi-CAPS. Ukuze oku kwenzeke, kufuneka utitshala acacise imigqaliselo neenkqubo kakuhle. Ngale ndlela isayensi iba "yinto ekulula ukuyenza, ekulula ukucinga ngayo nekulula ukubhala ngayo" ("hands-on, minds-on and words-on"). Oku kuza kumana kukhulisa ukuzithemba kootitshala nabafundi, lo gama kwandisa inani labafundi abanqwenela ukulandela amakhondo emfundo eeSayensi zeNdalo.
7. Imibuzo ingathunyelwa kuNks S Rampou kule nombolo yefoni 021 467 2237 okanye kule dilesi ye-imeyili Suanne.Rampou@pgwc.gov.za, okanye kuZaahida Hartley, weQIDS UP, kule nombolo yefoni 021 467 9357 okanye kule dilesi ye-imeyili Zaahida.Hartley@pgwc.gov.za
8. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeSayensi zeNdalo abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELWOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:00:00

"Six (6) districts to receive the natural sciences kit"  (ubukhulu: 30 KB)
Isihlomelo A: "List of recipients"  (ubukhulu: 78 KB)
Isihlomelo B: "Contents in each unit"  (ubukhulu: 102 KB)