1. Okufakwe apha zizintlu zokugqibela zeencwadi ezimiselwe ukufundwa nekucetyiswa ukuba zifundwe zoncwadi olufundwa kumabakala 7 - 11 ngo-2012.
2. Le ngcaciso imfutshane imele ukufundwa kunye neNgcaciso Emfutsahne yeCandelo leKharityhulam ye GET 0013/2011 eyayithunyelwe inoluhlu lwexeshana loncwadi lukagreyidi 7 ukuya ku 11.
3. Ezi zintlu zenziwe ngohlobo lokuba zilungiselele injongo yokuncitshiswa kwemfuneko yokuthengwa kweencwadi ezintsha kodwa zikwalungiselele ukuba kuqaliswe iincwadi ezintsha.
4. IiKomiti zeeNcwadi eZimiselwe ukuFundwa (Prescribed Book Committees) ziziqwalasele zonke iingcebiso neekhomenti kwaye utshintsho lwenziwe kuluhlu lwethutyana obeluthunyelwe ezikolweni.
5. Izikolo zicetyiswa ukuba zizisebenzise ezi zintlu zonyaka ka-2012 ziqhotyoshelweyo xa zidinga ukuthenga uncwadi.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
IBAMBELA SEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:08:17

"Final list 2012: English literature studies, Grades 7 - 9"  (ubukhulu: 96 KB)
"Finale lys 2012: Voorgeskrewe boeke, Graad 7 - 9"  (ubukhulu: 107 KB)
"Final lists 2012: African languages literature study, Grades 7 - 9"  (ubukhulu: 87 KB)
"Final lists 2012: Dramatic arts, Grades 10 & 11"  (ubukhulu: 51 KB)
"Finale lys 2012: Dramatiese kunste, Graad 10 & 11"  (ubukhulu: 46 KB)