1. Ukusiwa kweencwadi zomsebenzi i-Literacy Workbook 2 ne-Numeracy Workbook 2, zamaBakala 1 - 6 kwiKota 3 no-4, kwaqala nge-31 Meyi 2011 yaye kuya kugqitywa phambi kwe-23 Juni 2011. Ezi ncwadi zomsebenzi ziya kusiwa ngqo ezikolweni ngababoneleli-nkonzo abatyunjwe liSebe leMfundo kuzwelonke.
2. Ezi ncwadi zomsebenzi zabafundi ziya kusiwa ngokolwimi lokufunda nokufundisa (LoLT), ngokwamanani obhaliso lwabafundi, namabakala abafundi kwisikolo ngasinye. AmaBakala 1 - 6 aya kufumana zombini iincwadi zomsebenzi zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala ngoLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT) lwesikolo.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo ukungqina ukusiwa kweencwadi zomsebenzi zize zixele nakuphi na ukushota kweencwadi. IsiHlomelo A masithunyelwe kumphathi weze-IMG wesikolo eso ungadlulanga owe-24 Juni 2011 ngentsimbi ye12:00. Ikopi yesi siHlomelo A mayithunyelwe ngefeksi apha 086 763 3377 okanye nge-imeyili apha ltsm@pgwc.gov.za
4. Iincwadi zomsebenzi zibonelelwa mahala yaye zenzelwe ukusetyenziswa yonke imihla ngabafundi.
5. Iincwadi zomsebenzi zezokusetyenziswa ziphele (consumable items). Kwakhona kufuneka abafundi babhale kwiincwadi zabo abenza kuzo umsebenzi weklasi kwaye basebenzise neencwadi zezifundo zabo zolwazi lokubala/zemathematika ukwenza umsebenzi weklasi nowasekhaya yonke imihla.
6. Intsebenziswano yenu siyakuyivuyela kakhulu.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
ISEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:06:13

IsiHlomelo A: "Delivery of grade 1-6 learner workbooks - Book 2"  (ubukhulu: 35 KB)