1. Okufakwe apha zizintlu zethutyana zeencwadi ezimiselwe ukufundwa nekucetyiswa ukuba zifundwe zoncwadi olufundwa kumabakala 7 - 11 ngo-2012.
2. Ezi zintlu zenziwe ngohlobo lokuba zilungiselele injongo yokuncitshiswa kwemfuneko yokuthengwa kweencwadi ezintsha kodwa zikwalungiselele ukuba kuqaliswe iincwadi ezintsha.
3. Kucelwa ukuba ungenise iingcebiso okanye iikhomenti ngalo mbandela ingadlulanga intsimbi ye15:00 ngowe-22 Julayi 2011. IiKomiti zeeNcwadi eZimiselwe ukuFundwa (Prescribed Book Committees) ziya kuqwalasela zonke iingcebiso neekhomenti kuze, ukuba kukho imfuneko yoko kweziwe izilungiso phambi kokuba kukhutshwe izintlu zokugqibela.
4. Kucelwa ungenise iingcebiso kunye/okanye iikhomenti zakho kwenye yezi dilesi:

Ngeposi: The Head: Education
Attention: Ms N N Ngondo
Western Cape Education Department
Private Bag X 9114
CAPE TOWN
8000
nge-imeyili: lngondo@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
ISEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:07:01

"Draft list 2012: English literature studies, Grades 7 - 9"  (ubukhulu: 83 KB)
"Voorlopige lys 2012: Voorgeskrewe boeke, Graad 7 - 9"  (ubukhulu: 94 KB)
"Draft lists 2012: African languages literature study, Grades 7 - 9"  (ubukhulu: 73 KB)
"Draft lists 2012: Dramatic arts, Grades 10 & 11"  (ubukhulu: 36 KB)
"Voorlopige lys 2012: Dramatiese kunste, Graad 10 & 11"  (ubukhulu: 31 KB)