1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, libambisene neSouth African History Online, liceba ukumema zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kwiNational Schools' Oral History Competition for the Nkosi Albert Luthuli Young Historians' Award eyayiqalwe ngo-2005. Olu khuphiswano luya kuba yinxenye yegalelo leSebe leMfundo ekomelezeni ukufunda nokufundiswa kwezeMbali ezikolweni. ISebe leMfundo likazwelonke liceba ukubamba umnyhadala kazwelonke. Lo umnyhadala kazwelonke uya kwandulelwa lukhuphiswano lwephondo kwizihloko ezithile.

2. Kukwayinxalenye yenyathelo eliqhubeka okokoko lokukhuthaza bonke abafundi kuba bayiqonde imbali yaseMzantsi Afrika, kungabi lulwazi nje ngokubanzi lwebembali, koko kwakhona ibe kukuqhama kwembali yeendawo abahlala kuzo. Lithuba labafundi abatsha lokuba bafumane amava ekufundeni izakhono zophando ezibalulekileyo.

3. Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi ukuqalela kwiBakala 8 ukuya kwiBakala 11 nakubo bonke ootitshala beeSayensi zezeNtlalo nakootitshala bezeMbali abakwizikolo eziziisekondari.

4. Kucetyiswa abafundi nootitshala ukuba baye kweli ziko lewebhu South African History Online apha www.sahistory.org.za ukufumana ingcaciso ngophando lwembali yomlomo kunye nakweli ziko lewebhu South African History Archives apha www.saha.org.za

5. UKHUPHISWANO LWABAFUNDI

Kuya kufuneka abafundi benze uphando balungiselele inkcazo-ntetho okanye ifilim ebalisa ngokwenzekileyo (documentary film) okanye ividiyo ngesinye sezi zihloko zilandelayo:

5.1 Ukutshintsha kobume benkcubeko elilifa lethu yaseMzantsi Afrika: Abafundi bangaphanda ngembali yeziko lenkcubeko elilifa lethu nokubaluleka kwayo kwimbali yomzana/yengingqi/yedolophu. Bangajolisa ngakumbi kwiindawo zamangcwaba, zezikhumbuzo, zemifanekiso eqingqiweyo (statues) nakwindlela abahlali abatolika ngayo ezi ndawo.
5.2 Kungenjalo, abafundi bangenza uphengululo/bangaphanda ngeendawo ezimbini zenkcubeko elilifa lethu kwenye idolophu/kwesinye isixeko; enye imele ithuba eliphambi ko-1994 ize enye imele umanyano noxolelwaniso lwesizwe kuMzantsi Afrika wedemokhrasi emva ko-1994.
5.3 Abafundi bangaphanda kwakhona ngeziko lenkcubeko elilifa lethu elingekabhengezwa baze bangenise iphothifoliyo enokuthi ngenxa yophando olo ithunyelwe kwi-South African Heritage Resources Agency (SAHRA).
5.4 Amaqhawe namaqhawekazi adlel' ebumnyameni (unsung heroes and heroines) Indima yamadoda/yamabhinqa kwidemokhrasi, kwinguqu nakwezophuhliso. Abafundi kufuneka bajolise kuloo madoda/mabhinqa ekungazange kunconywe misebenzi yawo esidlangalaleni. Abafundi bangakhetha nokuba lithuba laphambi okanye lasemva ko-1994.
5.5 Imbali yeenkokeli zemveli kwingingqi yam: Abantu abaninzi abahlala ezilalini baphila phantsi kolawulo leenkokeli zemveli. Iinkokeli zemveli kuMzantsi Afrika wedemokhrasi zisaqhubeka nokudlala indima ebalulekileyo kuphuhliso lwezoqoqosho, lwezentlalo nolwezenkcubeko kwezo ndawo zikuzo. Abafundi bangaphanda ngembali yeenkokeli zemveli kwingingqi abakuyo nokubaluleka kwayo kuphuhliso lwaloo ngingqi.
5.6 Imbali yesikolo sam: Umfundi kulindeleke ukuba aqhube udliwano-ndlebe nabahlali abathatha inxaxheba ekusekweni kwesikolo. Bangaqhuba udliwano-ndlebe nababefudula bengabafundi kwisikolo eso bafumane kanye ukuba isikolo eso siqhagamshelana njani nembali yaloo ndawo.
5.7 Iindawo zonqulo ezibalulekileyo: Abafundi bangaqhuba udliwano-ndlebe nabantu/neenkokeli zemibutho yezenkolo baphande ngembali yendawo ethile yezonqulo. Le ndawo ingayintaba, umlambo, isakhiwo okanye indawo evulekileyo.
5.8 Iimbacu eziseMzantsi Afrika: UMzantsi Afrika utsale abantu abaninzi abavela kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi, ngakumbi emva kokusekwa kwedemokhrasi ngo-1994. Uninzi lwezi mbacu lwashiya amazwe alo luze kukhangela ubomi obungcono yaye abanye bangamaxhoba okutshutshiswa ngezopolitiko kumazwe abo. Abafundi banokuphanda ngeenzingo neengxaki zeembacu eMzantsi Afrika baze banike iingcebiso ngendlela yokuphatha iimbacu kwilizwe elikhuthaza umoya wokuphakamisa amalungelo oluntu. Kulindeleke ukuba abafundi benze udliwano-ndlebe neembacu kwakunye nabahlali.
5.9 Imbali yezothutho: Iinkqubo zezothutho ziyinxalenye ebalulekileyo yophuhliso lwezentlalo noqoqosho lweli lizwe. UMzantsi Afrika ufumene inguqu kwezothutho nezophuhliso eye yathatha ithuba elide. Umzekelo, abafundi bangenza udliwano-ndlebe nabazali/nootatomkhulu noomakhulu ababesebenzisa inkqubo kaloliwe kwinkulungwane yama-20 baze baphande kwakhona ngendlela uqoqosho lweli lizwe lwalunxibelelana ngayo noololiwe. Icandelo lakwaloliwe, umzekelo, yayilelona lalingumqeshi omkhulu kwinkulungwane edlulileyo kwaye bangenza udliwano-ndlebe nababefudula bengabaqeshwa bakwaloliwe. Iiprojekthi zabafundi zinako kwakhona ukubandakanya abahlali abakufuphi nezikhululo zikaloliwe ezingasasetyenziswayo/ imizana yezi ndawo/neenqwelo zedonki. Abafundi banokuphanda kwakhona ngokuqaliswa kweenkonzo zeebhasi neeteksi kwezo ngingqi zabo.
5.10 Imbali yeqela lezemidlalo/lezenkcubeko: Iiklabhu zezemidlalo/ zezenkcubeko zenza igalelo ekutshintsheni izimilo zabantu abaninzi. Umzekelo, kwidolophu nganye/ kwisixeko ngasinye kukho iklabhu yesoka, yeqakamba, yentenetya neyebhola yomnyazi, ikwayara okanye iklabhu yezentlalo. Abafundi bangaqhuba udliwano-ndlebe namalungu amadala amaqela baqonde kuwo ukuba ezi klabhu okanye la maqela asekwa njani nendlela aye atshintsha ngayo ubomi babantu abaninzi balapho ekuhlaleni.

6. KUCELWA NIQAPHELE OKU KULANDELAYO
6.1 Le projekthi mayisekelwe kuphando lwembali yomlomo.
6.2 Abafundi mabancediswe ekukhetheni kwabo umntu/abantu abaza kuba nodliwano-ndlebe nabo kwaye mabakhuthazwe kakhulu ekukhetheni umntu/abantu abasuka kwindawo abahlala kuyo.
6.3 Abafundi mabacetyiswe ukuba baqhube udliwano-ndlebe nabantu aba-2-3 ubuncinane.
6.4 Inkqubo yokugweba iya kulinganiselwa ngokomgangatho wophando.
6.5 Indlela eyenziwa ngayo inkcazo-ntetho iya kuba yinto yesibini ngokukubaluleka.
6.6 Abafundi bangenza inkcazo-ntetho ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.
6.7 Abafundi mabangenise iphothifoliyo ebonisa lonke uphando lwabo.

7. IIKHRAYITHERIYA

Abafundi kuya kulindeleka ukuba benze izinto zibe MBINI:

7.1 Makenze inkcazo-ntetho yomlomo okanye angenise ividiyo ebalisa ngokwenzekileyo (video documentary) yophando lwembali yomlomo yakhe kwiphaneli yabagwebi (akujongwanga ukuba ibe ngumdlalo weqonga okanye isihobe).
7.2 Makalungise iphothifoliyo ebhaliweyo ekufuneka ibe nezi zinto zilandelayo:

  • Iiphothifoliyo mazibonise ubungqina bophando. Abafundi bafanele benze udliwano-ndlebe nomhlali okanye nabahlali baloo ndawo kwaye kufuneka bakwazi ukubonisa ubungqina bodliwano-ndlebe, umzekelo, iileta eziya kwabo benze kubo udliwano-ndlebe, iitranskripthi zodliwano-ndlebe okanye iitheyiphu zokurekhoda, kunye noluhlu lwemibuzo ebuzwa umntu ebekusenziwa udliwano-ndlebe naye kunye neempendulo - nokuba zibhaliwe okanye zirekhodwe ngetheyiphu.

Udliwano-ndlebe lungaqhutywa kwaye lurekhodwe ngalo naluphi na ulwimi kwezaseburhulumenteni.

Iiphothifoliyo mazibonise kwakhona ubungqina bokucingisisa kwaye maziqaphelisise oku kulandelayo:

  • Abafundi kufuneka bacacise ukuba kutheni bekhethe abo bantu benze udliwano-ndlebe nabo, babonise ulwazi olucacileyo lwemeko yezembali yalapho loo mntu wayesebenza khona kunye nendlela ingcaciso esuka kudliwano-ndlebe enxulumana ngayo nemeko yezembali okanye indlela esinceda ngayo ukuqonda iziganeko ezichazwa nguloo mntu ngokwakhe.

  • Abafundi mababandakanye izinto ezibonisa ukucingisisa kwabo (reflection) ngabakufundileyo malunga nokuba nako kwabantu ngabantu ukuzisa inguqu eluntwini, noko bakufundileyo bona ngokwabo ngethuba lokwenza uphando, nangexabiso lomsebenzi wophando lwezembali yomlomo ekusincedeni ukuba siqonde imbali yethu.

  • Abafundi kufuneka babhale yonke imithombo yolwazi abayisebenzisileyo kwiiphothifoliyo zabo. Mazifakwe neebhibliyografi. Baya kohlwaywa ngesenzo sokunyiba umsebenzi womnye umntu uwenze owakho (plagiarism).
8. IIKHRAYITHERIYA ZOKUVAVANYA IIPROJEKTHI ZOPHANDO LWEMBALI YOMLOMO (ZILUNGISWE APHA NAPHAYA ZAKUBA ZITHATHWE KWI- NCS FET HISTORY SUBJECT ASSESSMENT GUIDELINES)

Umhlaba ekuza kufikelelwa kuwo kwiprojekthi yezembali yomlomo

Iiprojekthi zezembali yomlomo zinamacandelwana aliqela:

  • Owona mbuzo ophambili nongundoqo uphando oluza kujolisa kuwo
  • Uphando lokwandlalela ukulungiselela udliwano-ndlebe oluza kuqhutywa
  • Udliwano-ndlebe nokubhalwa kodliwano-ndlebe
  • Ingxoxo ebhaliweyo malunga nokuba ingcaciso ekudliwano-ndlebe inxulumana njani nelo thuba
  • Uvavanyo lodliwano-ndlebe njengemithombo yolwazi yexesha elidlulileyo.

Ukucingisisisa okwenziweyo ekugqibeleni: Ingaba ibe yintoni inzuzo kum ngale [umfundi] ngokumalunga nophuhliso lwakhe buqu, nolwazi lwakhe nokuqonda okwakusenzeka ngelo thuba.

(Oku kungagxila kwakhona kwimibuzo engqale ngqo, ngokukodwa kwiBakala 10, enjengale: Yeyiphi eyona nto ibaluleke kakhulu oye wayifunda kwiimbali zomlomo? Usakube uyenzile iprojekthi, yintoni obungathanda ukwazi ngayo nangakumbi? )


Qaphela: Iikhrayitheriya zokuvavanya ezingundoqo ezilungiselelwe icandelo lophando: sebenzisa iikhrayitheriya kwibakala ngalinye njengoko kuchaziwe kwi-asayinimenti yophando. (Kungongezwa ezinye iikhrayitheriya ukwenzela ukuba iikhrayitheriya ezingundoqo zifanele ngqo imisebenzi ethile.)

Ikhrayitheriya 1
Qulunqa imibuzo yeprojekthi

Ikhrayitheriya 2
Khetha uze ufumane imithombo ngemithombo yengcaciso

Ikhrayitheriya 3
Ulwazi nokuqonda ithuba elichaphazelakayo

Ikhrayitheriya 4
Uphando ngezembali kunye nonxibelelwano

Ikhrayitheriya 5
Inkcazo-ntetho


Iikhrayitheriya zokuvavanya iprojekthi yembali yomlomo
Ikhrayitheriya 1

Imibuzo yodliwano-ndlebe

  • Imibuzo ibiyileyo efuna iimpendulo ezigabalala ezingajonge siphumo sithile (open-ended)
  • Imibuzo ibifanelekile yaye ize nengcaciso efanelekileyo kowona mbuzo ophambili nongundoqo
  • Bekukho imibuzo eyaneleyo
Ikhrayitheriya 2

Lowo kwenziwa udliwano-ndlebe naye

  • Wayefanelekile umntu ekwenziwe naye udliwano-ndlebe / Babefanelekile abantu ekwenziwe nabo udliwano-ndlebe)

Zanikwa iinkcukacha zomntu kanye ekwakusenziwa udliwano-ndlebe naye /Zanikwa iinkcukacha zabantu kanye ekwakusenziwa udliwano-ndlebe nabo

Ikhrayitheriya 3

Amalungiselelo nokucwangcisa

  • Kukho ubungqina bokulungiselela udliwano-ndlebe ngenyameko
  • Kukho ubungqina bokucwangciswa kweprojekthi

Zonke iinowuthsi zamalungiselelo nokucwangcisa zifakiwe kwiprojekthi

Ikhrayitheriya 4

Ukunikwa kwengcaciso evela kudliwano-ndlebe

  • Umntu ekwenziwa udliwano-ndlebe naye wachazelwa / Abantu ekwenziwa udliwano-ndlebe nabo bachazelwa ngeemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Zazinikiwe iimeko ezingqongileyo zokuqonda udliwano-ndlebe.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yayinikwe ngokweemeko zezembali ezingqongileyo.
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yayishicilelwe ngokuchanekileyo (ukuba kwakusetyenziswe itheyiphu rekhoda).
  • Ingcaciso yodliwano-ndlebe yacazululwa yaza yacwangciswa ngokuyondeleleneyo (coherently), yabonisa izimvo ezahlukeneyo apho kufanelekileyo oku.

Inkcazo-ntetho ngeprojekthi eklasini yayicacile kwaye yenziwa ngempumelelo.

Ikhrayitheriya 5

Ukucingisisisa obekusenziwa
Iikhomenti zibonisa ubunzulu beengcinga ngenkqubo nesiphumo sokwenziweyo.


9. UKHUPHISWANO LOOTITSHALA
9.1 Ootitshala bezikolo eziziisekondari abangenela ukhuphiswano baya kucelwa ukuba bangenise isicwangciso somsebenzi esibonisa indlela ababecwangcise baze balungiselele ngayo iprojekthi yembali yomlomo eklasini.
9.2 Kuya kufuneka ukuba utitshala ngamnye enze inkcazo-ntetho ngephothifoliyo yakhe kwiphaneli yabagwebi kwaye makazilungiselele ukubizelwa kwingxoxo yephaneli ngephothifoliyo leyo.

KUFUNEKA OOTITSHALA BABANDAKANYE OKU KULANDELAYO KWIPHOTHIFOLIYO YOKHUPHISWANO:

  • Yaxelelwa kanjani iklasi ngokwenziwa kweprojekthi yembali yomlomo.
  • Iprojekthi yenkcubeko eyimvelaphi yethu (heritage) ifanele ukudityaniswa nabahlali baloo ndawo kwaye nesikolo sinokuyithathela kuso siyifake phantsi kwephiko laso (adopt) size siqhagamshelane neSouth African Heritage Research Agency (SAHRA) ngenjongo yokukhuselwa nokulondolozwa kwayo.
  • Abafundi bangavelisa iiphowusita zeziko lenkcubeko eyimvelaphi yethu.
  • Yeyiphi inkcazo eyanikwa abafundi malunga nokukhetha nokuthetha nabo babeza kubuzwa imibuzo yodliwano-ndlebe, nokulungiselela nokuqhuba udliwano-ndlebe kunye nokusebenzisa udliwano-ndlebe njengobungqina bokufikelela kwizigqibo ngegalelo laloo mntu.
  • Loluphi ungenelelo ngoncedo olwenziwa ngutitshala ukuncedisa abafundi ukuba bayigqibe le projekthi.
  • Yintoni utitshala acinga ukuba abafundi bayizuza ekwenzeni kwabo uphando ngembali yomlomo.
  • Faka iintlobo ezahlukeneyo zemizekelo yomsebenzi wabafundi
10. NKQUBO YOKUGWEBA YEPHONDO
10.1 Inkqubo yokugweba yephondo yokukhetha abafundi abahlanu nootitshala aba-2 bokhuphiswano lukazwelonke iya kuqhubeka nge-9 Septemba 2011. Indawo iya kuqinisekiswa kamva ngokuthunyelwa kubacebisi ngezekharityhulam beeSayensi zezeNtlalo nezeMbali.
10.2 ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke liya kuzihlawula iindleko zohambo Nezokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba ngethuba lokhuphiswano lukazwelonke ePitoli ukuqala nge-6 kuye kwi -9 Oktobha 2011.

11. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane noNks NDodgen kule nombolo yefoni 021 467 9333 okanye kule diledi ye-imeyili ndodgen@pgwc.gov.za

12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo nootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:05:26