1. Le ngcaciso imfutshane iqhubela phambili imiba ekule Ngcaciso eMfutshane DCG 0004/2011, eyayinika ingcaciso yokuqala malunga noqeqesho oluza kwenziwa ngethuba longenelelo ngoncedo kuLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala i-Phase 2 LitNum Intervention training lweSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED). Inika izithili nezikolo ingcaciso ngamalungiselelo yaye kufuneka ifundwe kunye nale Ngcaciso eMfutshane DCG 0004/2011.
2. Izikolo ziye zahlelwa ngokuba zibe zizikolo zoLwazi lokuFunda nokuBhala/zeeLwimi okanye zoLwazi lokuBala/zeMathematika ngo2011 - 2012. (Funda isiHlomelo A).
3. Uqeqesho lokuqala luya kuqhubeka ngexesha leeholide zesikolo kwaye izikolo zinikwe iveki ethile ukuqinisekisa umlinganiselo ofanelekileyo phakathi komqeqeshi nabathathi-nxaxheba. Ziyacelwa ke ngoko izikolo ukuba zilandele ngqo iveki eziyinikiweyo.
4. Uqeqesho luthatha iintsuku ezi-5, ukuqala ngo- 08:00 - 16:30 ngosuku ngalunye, ngaphandle kosuku lokugqibela apho iprogram iya kuphela ngo-14:00. Kufuneka abathathi-nxaxheba baye kuzo zonke iiseshoni zoqeqesho ngezi ntsuku zi-5 ukuqinisekisa ukuba kufikelelwa ngokupheleleyo ekuqondeni ikhontenti, iikhonsepthi nemethodoloji.
5. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba zibhalise bonke ootitshala boLwazi lokuBala/beMathematika kunye naboLwazi lokuFunda nokuBhala/nabeeLwimi. Amalungiselelo aya kwenziwa ngokungqinelana nobhaliso.
6. Kucelwa niqaphele ukuba ezinye iindawo zoqeqesho zitshintshile. Kuqinisekisiwe ngoku ukuba zonke iindawo zoqeqesho zimi ngolu hlobo lulandelayo:

IVEKI 1:

27 JUNI -
1 JULAYI
Metro South District
Literacy AND Numeracy
COLLEGE OF CAPE TOWN,
CRAWFORD CAMPUS
Tel. 021 696 5133
Kromboom Road
Crawford
Metro East District
Literacy
METRO EAST EDUCATION DISTRICT OFFICESTel. 021 900 7000
cnr Belhar and Nooiensfontien Roads
Kuils River
Metro East District
Numeracy
FAURE SCHOOL OF SKILLS
Tel. 021 904 5306
IVEKI 2:

4 JULAYI -
8 JULAYI
Metro Central District
Literacy AND Numeracy
COLLEGE OF CAPE TOWN,CRAWFORD CAMPUS
Tel. 021 69 65133
Kromboom Road
Crawford
West Coast District
Literacy AND Numeracy
BOLAND COLLEGE
PAARL CAMPUS
Tel 021 8723323
Plein Street, Paarl
Hostel accommodation available
Eden and Central Karoo District
Literacy only
SOUTH CAPE COLLEGE
OUDTSHOORN CAMPUS
Tel: 044 272 2119
Hostel accommodation available
Eden and Central Karoo District
Numeracy only
P W BOTHA COLLEGE
GEORGE
Tel. 004 874 4166
Hostel accommodation available
IVEKI 3:

11 JULAYI -
15 JULAYI
Metro North District
Literacy AND Numeracy
COLLEGE OF CAPE TOWN,
CRAWFORD CAMPUS
Tel. 021 696 5133
Kromboom Road
Crawford
Hostel accommodation available
Cape Winelands District
Literacy AND Numeracy
BOLAND COLLEGE,
WORCESTER CAMPUS
Tel. 023 348 6920
Raynier Street
Victoria Park, Worcester
Hostel accommodation available
Overberg District
Literacy AND Numeracy
BOLAND COLLEGE,
STELLENBOSCH
CAMPUS
Tel. 021 887 3027
Van Riebeeck Street, Stellenbosch
Hostel accommodation available
7. Amalungiselelo ohambo

Isibonelelo esiyintlawulo yohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Ukuqinisekiswa kokubakho kukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Umgama owahanjiweyo uwonke ngethuba leentsuku ezi-5 mawube ngaphezu kwe-100 km, o.k.t. ubuncinane mawube yi-20 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku ngalunye.
  • Uwonke umgama ofakelwa ibango ngethuba leentsuku ezi-5 mawungabi ngaphezu kwe-700 km o.k.t. mawungabi ngaphezu kwe-140 km ngohambo lokuya uphinde ubuye ngosuku ngalunye. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abayi kubuyiselwa iindleko zabo ngomgama abawuhambileyo ongaphezu kwe-700 km yaye bayacetyiswa ukuba endaweni yoko mababhalisele indawo yokulala.

Amabango aya kuphicothwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Ootitshala mabakhwelisane kangangoko oku kunokwenzeka.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo.
Nabani na ongumkhweli makabhalwe kuluhlu.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo (standard rates) eyi-R1.50 ngekhilomitha. Umthamo we-injini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana ehlawulelwayo kwimoto yabucala Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza ibango ngeekhilomitha ezihanjiweyo. Ibango malixhaswe yingxelo efungelweyo enika amagama abo bonke abakhweli. Oku kuya kungqinisiswa ngerejista yabakhoyo kuqeqesho.
Kuya kuhlawulwa ireyithi emiselweyo eyi-R1.50 ngekhilomitha. Umthamo we-injini awuyi kusetyenziswa.
Ukusetyenziswa kweklabhu yokukhwelisana eyibhasi okanye ikhombi Isikolo masenze amalungiselelo okuqesha isithuthi sikhethe elona xabiso libiza kancinane kwaye masimhlawule umntu esenze naye imvumelwano. ISebe iWCED liya kusibuyisela isikolo loo ntlawulo lakuba lifumene amaxwebhu asayiniweyo. Ootitshala mabenze amalungiselelo okuthathwa ngamaqela kwezo ndawo kufikelela wonke umntu kuzo.
Ukusetyenziswa kwezithuthi zikawonke-wonke umz. iteksi, ibhasi, uloliwe Amabango makabonise indawo uhambo oluqala noluphela kuyo. Ukuhlawulwa kwazo kuya kwenziwa ngokweereyithi ezimiselweyo. Bunokufunwa ubungqina (amatikiti) ligosa lamabango ukwenzela ukuba kungqinisiswe amabango.
8. Indawo yokulala nokutya

Indawo yokulala nokutya (okwangokuhlwa nakusasa) ziya kufumaneka ngokwale miqathango:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawube ngaphezu kwe-60 km ngohambo lokuya ngosuku.
  • Ukuqinisekiswa kokubakho kukatitshala kwikhosi yoqeqesho ngokupheleleyo.
  • Ukususela ngosuku lokuqala ukuya kolokugqibela lwekhosi yoqeqesho, kukho amalungiselelo okukhetha ukuba ube sele ungaphakathi kwindawo yokuhlala (checking in) phakathi kwentsimbi ye-16:00 no-17:00 ngeCawa ephambi kokuqala kukamasifundisane.
  • lindidi zendawo yokulala:
Indawo yasehostele Kwenziwe amalungiselelo endawo yokuhlala kwikholeji yeFET, ekungekho ntlawulo kootitshala. Ootitshala mabayibhukishe le ndawo yokuhlala kwisiliphu sobhaliso esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) ngomhla obekiweyo. Indawo yokuhlala ehostele iya kuba kumagumbi ekulala ngaphezu komntu omnye yaye bayacelwa ootitshala ukuba beze neezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuhlamba.
Iindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo umz. i-bed and breakfast, guest house, ihotele Ootitshala abakhetha ukungahlali ehostele banokuhlala kwiindawo zokuhlala eziqeshisayo nezibhalisiweyo. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mabazalise isiliphu esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi-R200 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa (original invoice) yendawo yokuhlala mayisayinwe nangulowo wenza ibango ize ingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
Ukuhlala nesizalwane Le miqathango ilandelayo isebenza kootitshala abakhetha ukuhlala nesizalwane:

  • Ootitshala mabazalise isiliphu esiqhotyoshelweyo (IsiHlomelo B) baze basibuyise ngomhla obekiweyo
  • Kunokwenziwa ibango lesixa-mali esingaya kutsho kwi-R130 ngosuku lesidlo sangokuhlwa, indawo yokulala nesidlo sakusasa.
  • Eli bango malihambe kunye nengxelo efungelweyo yalowo usisizalwane esichaphazelekayo, nesayinwe nanguye lowo wenza ibango, lize lingeniswe kwikhosi yoqeqesho.
9. Indlela yokwenza ibango

Makuzaliswe le fom eneeNkcukacha zeBhanki iqhotyoshelweyo ize igximfizwe ngestampu yibhanki. Le fom mayingeniswe kwigosa lamabango kwindawo yoqeqesho kwakunye nawo onke amaxwebhu entsusa (original) axhasa ibango. Ngamaxwebhu entsusa kuphela amakangeniswe. Akukho zifeksi ziya kwamkelwa.

Abenzi-mabango baya kuhlawulwa kuphela emva kokuba igqityiwe ikhosi yoqeqesho yaye ke ngoko kuya kufuneka bazihlawulele iindleko zabo kwasekuqaleni kwekhosi. Apho kuyimfuneko, ziyacelwa izikolo ukuba zibancede ootitshala bazo ngokumalunga noku. Uxwebhu olububungqina bentlawulo malugcinwe luze lungeniswe.

10. Iintlawulo ziya kwenziwa kuphela emva kokuphicothisiswa kwamabango ngenyameko yaye iSebe iWCED linelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho nakuphi na ukungangqinelani kwengcaciso.
11. Maziqinisekise iinqununu ukuba ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane igqithiselwa kubo bonke ootitshala yaye zonke iinkcukacha zobhaliso ezichaphazelekayo zingeniswa kumququzeleli wesithili semfundo weGET engadlulanga uLwesihlanu we-27 Meyi 2011. Ukuba unayo eminye imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili semfundo weGET ochaphazelekayo.

ISithili UMququzeleli
We-GET
Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 673 1312 amorgen@pgwc.gov.za 021 671 1318
Metro North Geoffrey Figaji 021 938 3000 gfigaji@pgwc.gov.za 021 938 3184
Metro South Fadli Wagiet 021 370 2041 fwagiet@pgwc.gov.za 021 372 1856
Metro East Ursula Esau 021 900 7051 uesau@pgwc.gov.za 086 562 3907
West Coast Ebrahim Peck 021 860 1569 epeck@pgwc.gov.za 021 872 5394
Overberg Edgar Johannes 028 214 7359 eajohann@pgwc.gov.za 028 214 7400
Cape Winelands Malefo Makena 023 348 0605 mmakena@pgwc.gov.za 086 628 6008
Eden & C. Karoo Seymour Bothman 044 803 8326 sbothman@pgwc.gov.za 086 555 3085
12. ISebe i-WCED lijonge ngethemba ekugqityweni ngempumelelo kwephulo longenelelo ngoncedo kuLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala i-Phase 2 of the LitNum Intervention training kule minyaka mi-2 izayo, kwaye alithandabuzi ukuba oku kuya kubanegalelo ekuqinisekiseni ukuba bonke abafundi bayakwazi ukufunda, ukubhala nokubala ngokwamanqanaba alindelekileyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
ISEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:05:23

isiHlomelo A: IINDAWO NEZIKOLO EZIYA KUQEQESHO LOLWAZI LOKUFUNDA NOKUBHALA / KWIILWIMI  (ubukhulu: 53 KB)
isiHlomelo A: IINDAWO NEZIKOLO EZIYA KUQEQESHO LOLWAZI LOKUBALA / LWEMATEMATIKA  (ubukhulu: 41 KB)
isiHlomelo B: IFOM YOKUBHALISELA INDAWO YOKUHLALA  (ubukhulu: 40 KB)
"BAS Entity Maintenance Bank Details"  (ubukhulu: 28 KB)