1. |
I-Siyavula, yinkampani esakhulayo eqalwe yi-Shuttleworth Foundation, isandula kuphehlelela ukusebenzisa inguqulelo yeencwadi zezifundo ezikwifoni eyiselula i-Siyavula Grades 10, 11 and 12 Mathematics and Physical Science WebBooks. |
2. |
Abafundi nootitshala banokukhuphela, bakopele baze basasaze ezi ncwadi zokufunda mahala ngefomathi ye-PDF. Oku kuthetha ukuba bayakwazi ukufikelela kwincwadi yezifundo eyenziwe yangqinelana nekharityhulam abanokuyifunda nakuyiphi na ifoni eyiselula ene-WAP (WAP-enabled) (enako ukusebenzisa u-MXit). |
3. |
Abafundi kunye nootitshala bangazuza lukhulu ngokuthi
- babe nencwadi yokufunda eyenziwe yangqinelana nekharityhulam yebakala abakulo ngoku nokuba baphi na;
- babe nomthombo owongezelelweyo wemibuzo neempendulo ezingumzekelo;
- babe nokufikelela kwiincwadi zezifundo zeminyaka edlulileyo ukwenzela ukurivayiza ukurivayiza umsebenzi nokujonga izinto ezithile; yaye
- babe nokufikelela kwiincwadi zezifundo zonyaka ozayo ukwenzela ukwandisa ulwazi nokuqhubela phambili.
|
4. |
Ezi ncwadi zewebhu zingafikelelwa ngokuya kwi-mobi site apha m.siyavula.cnx.org (ungambhali u 'www' phambi kwedilesi). |
5. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise le ngcaciso ootitshala nabafundi ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:08:25
|
|