1. Njengenxalenye yenkxaso yethu eqhubeka okokoko, silungise amaphepha eemviwo angoSeptemba ayimizekelo saza sawafaka kwiCD ukwenzela ukuba asetyenziswe ezikolweni.
2. Injongo yala maphepha ayimizekelo kukukhokela ootitshala kwiintlobo zemibuzo efanelwe ukusetwa, amanqanaba engqiqo emakufikelelwe kuwo nomgangatho oqhelekileyo wephepha loviwo lwe-trial examination leBakala 12. Le mizekelo MAYINGAZE isetyenziselwe iinjongo zeemviwo ezimiselweyo. Ootitshala mabasete awabo amaphepha eemviwo zangaphakathi.
3. Ii-CDs zisiwe kwii-ofisi zezithili zemfundo, ekufuneka zizise kuzo zonke izikolo zikarhulumente nakwizikolo ezizimeleyo.
4. Ukuba awukayifumani iCD, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli weFET kwi-ofisi yesithili semfundo sakho ngokukhawuleza.
5. Sinethemba lokuba eli linge liya kwenza igalelo kuphuhliso lootitshala yaye kanjalo liphucule indlela abaqhuba ngayo abafundi kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:08:26