1. INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) iya kuqaliswa ukusetyenziswa kule minyaka mithathu izayo, neya kuqala kumaBalaka R - 3 nakwiBakala 10 ngoJanuwari 2012.

2. Ingcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam 0002/2011 yomhla we-24 Juni 2011 yanika ingcaciso ngenkqubela ekhoyo malunga ne-CAPS kunye nokuqhelaniswa kweenqununu nootitshala.

3. Ukuqhelaniswa kweekomiti zolawulo lwezikolo (SMTs) nootitshala beBakala 10 kwizithili zemfundo kuya kuqala ngekota yesithathu ka-2011.

4. Abaphathi bezoququzelelo nengcebiso ngezekharityhulam kwizithili zemfundo sele belungise iiprogram zoqhelaniso noqeqesho lwee-SMTs nootitshala beBakala 10 ngokwamaqela eeklasta zezifundo (subject cluster groups) kwisithili semfundo ngasinye. Ingcaciso engamalungiselelo oku iya kwaziswa izikolo zii-ofisi zezithili zemfundo.

5. Ukuqhelaniswa neeCAPS:
5.1 Oku kuya kuqala ngo-15:00 ngoLwesihlanu emva kwesikolo kuqhube de kube ngo-17:00 ngolo suku. Kuya kuqhubeka ngoMgqibelo kuqale ngo-08:00 de kube ngo-17:00.
5.2 Kunyanzelekile ukuba babekho bonke ootitshala.

6. UQeqesho kwiKhontenti yeZifundo zeBakala 10:
6.1 Oku kuya kuqhubeka ngethuba leeholide zesikolo zikaSeptemba ubuncinane iintsuku ezimbini ezilandelelanayo.
6.2 Ootitshala baya kufumana uqeqesho kwikhontenti entsha yeBakala 10 ye-CAPS.

7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:07:13