1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni, (iSebe iWCED) langena kwintsebenziswano neYunivesithi yaseStellenbosch yokwenza usasazo ngqo lwezifundo ngomabonakude kwizikolo eziphakamileyo eziyi-120. (Makufundwe ilisti yezikolo kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo).
2. I-QIDS-UP yathi kwasekusekweni kwayo ngo-2007, yabonelela ngezibonelelo zelayibrari ezifana neencwadi, iitshathi zodonga (wallcharts), iiDVDs nefanitshala yaselayibrari, kuzo zonke izikolo ezingabizi zifizi.
3. I-QIDS-UP isebenzise abasebenzi abaqeqeshiweyo be-Yunivesithi yaseWestern Cape ukuba basebenzise i-Telematics Platform ukuxhasa nokukhuthaza ingxoxo-mpikiswano ngokusetyenziswa nangokuhlanganiswa kwezibonelelo zelayibrari kwikharityhulam, kusetyenziswa i-Telematics Platform.
4. Ezi program ziya kuqhubeka kwisikolo ngasinye kweziyi-120 nge-6 nange-9 kaJuni ukususela ku-15:30 ukuya ku-17:30.
5. Iprogram ibandakanya ingxoxo eqhutywa liqelana lootitshala (panel discussion) apho ootitshala abajongene neelayibrari zezikolo baxoxayo baze bafune nezimvo zabo babukeleyo ngemiba engelayibrari zezikolo (6 Juni 2011). Ngosuku lwesibini (9 Juni 2011), kuya kuqhutyekwa kuxoxwe ngemiba yoSuku 1 kodwa kuya kubakho ngokunjalo iingxoxo ngoqhagamshelwano phakathi kolwazi lokufunda nokubhala nelayibrari yesikolo, iindlela ekunokusetyenziswa ngazo ilayibrari yesikolo ngabo bonke ootitshala, nokuba zintoni na ezenza ilayibrari ibe yilayibrari esemgangathweni onguwo.
6. Simema zonke iinqununu, ootitshala namagosa ezithili zemfundo ukuba babekho kule program inika umdla nakwesiphi na isikolo kweziyi-120.
7. Kucelwa kwenziwe amalungiselelo nesikolo esisesona sikufutshane kuni, ngokwesiHlomelo A ukuze nibe yinxalenye yale program inika umdla.
8. Bayakhuthazwa ootitshala kwizikolo ezibiza iifizi abayinxalenye yezikolo ii-120 Telamatic Schools ukuba babekho njengoko iilayibrari zezikolo ziyinto ebalulekileyo kuzo zonke izikolo.
9. Ukuba unemibuzo nokuba yeyiphi na ngeli phulo, niyacelwa niqhagamshelane naba bantu balandelayo:

Zaahida Hartley, yefoni 021 467 9357 okanye ye-imeyili: zhartley@pgwc.gov.za
Walter Mercuur, yefoni 021 467 2630 okanye ye-imeyili: wmercuur@pgwc.gov.za

10. Sijonge ngethemba ekwenzeni le projekthi inika umdla kunye nani.
11. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:06:03

isiHlomelo A: "List of Schools presenting lessons on Telematics Platform"  (ubukhulu: 54 KB)