1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) langena kwintsebenziswano neYunivesithi yaseStellenbosch yokwenza usasazo ngqo lwezifundo ngomabonakude kuzo zonke izikolo ezafumana ireyithi yokupasa iBakala 12 engaphantsi ko-60% nakwiZikolo eziGxilwe kokuThile nezeDinaledi ezikhethiweyo (selected Focus and Dinaledi Schools).

2. Ungenelelo ngoncedo, olwaziwa ngokuba yi-Interactive Telematic Teaching, luya kuqhubeka kwakweziyaa zikolo ziyi-120 ezazifumene ezo nkqubo zosasazo ngo-2010.
2.1 Nakuba kunjalo, izikolo ezitsha ezafumana ireyithi yokupasa kwiBakala 12 engaphantsi ko-60% ngo-2010, neziye zafakwa nazo ngoku kule projekthi, aziyi kufumana sasazo ngqo lwezifundo (live broadcasts). Endaweni yoko, ziya kufumana iiDVD ngokukhawuleza emva kweseshoni yosasazo nganye zize zibonelelwe ngendlela yokufikelela kwiziko lewebhu ukwenzela ukuba zibuze imibuzo kwaye zenze negalelo.
2.2 Zonke izikolo ziya kufumana izinto zokufunda zokunika inkxaso abafundi. (Funda ilisti yezikolo ezikwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.)

3. Asiyonjongo yokufundisa kusetyenziswa iTelematics ukuthatha indawo yokufundisa kwesiqhelo. Endaweni yoko, eyona njongo kukudala imeko enika umzekelo ngqo wendawo yokufunda (virtual learning environment) ukuxhasa nokukhuthaza ukufunda kwiBakala 12.

4. Ezi zifundo zilandelayo ezinekhontenti yezifundo zeBakala 12 ziya kusasazwa ngamaxesha amiselweyo: iMathematika, iFizikhali Sayensi, iiSayensi zoBomi, iAkhawuntingi, isiNgesi uLwimi lokuQala oLongezelelweyo, isi-Afrikansi uLwimi lwasekhaya kunye neJografi. Ukongeza, kuya kunikwa inkxaso yetelematic kubafundi beBakala 11 ngoSeptemba 2011 kwakwezi zifundo zinye zeBakala 12, kodwa kwikhontenti yezifundo zeBakala 11. (Funda ithayimthebhile yokusasaza ekwisiHlomelo B esiqhotyoshelweyo.)

5. Abafundi nootitshala beBakala 12 abakwizikolo ezikhoyo eziyi-120 baya kuthi, xa kusasazwa, bakwazi ukunxibelelana nomenzi-sasazo (presenter) osesitudiyo ngeIntanethi okanye ngeselula. Abafundi baya kuba nako kwakhona ukubuza imibuzo kumenzi-sasazo emva kweenkqubo zosasazo. Bonke abathathi-nxaxheba baya kuba nako ukufumana imibuzo kunye neempendulo.

6. Abenzi-sasazo ziincutshe zootitshala beSebe iWCED abakhethwe ngenxa yobungcali babo kwizifundo zabo.

7. Kuya kulindeleka ukuba ootitshala bezifundo kwisikolo ngasinye balawule, babeke esweni baququzelele ukufunda ngamaxesha kubukelwe izifundo ngabafundi emva kwesikolo.

8. Njengoko izifundo ziqhutywa emva kweeyure zesikolo ngeentsulu zeveki nangeeCawa, kunyanzelekile ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi beBakala 11 nele-12, kwakunye namabhunga olawulo azo.

9. Asibobafundi kuphela abaxhamlayo kule nkqubo. Ukuba le nkqubo ilawulwa kakuhle, isikolo noluntu nabo baya kuxhamla.

10. Olu ngenelelo ngoncedo luya kubekwa esweni qho ngabasebenzi bakwaNdlunkulu nangamagosa ezithili zemfundo.

11. Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo qho ngeveki ngokuya kwabafundi kwezi zifundo kwakunye nemingeni nempumelelo yeprogram leyo.

12. IiDVD zosasazo ziya kuthunyelwa ezikolweni ngeenjongo zokurivayiza phambi kokubhalwa kweemviwo.

13. Ukuba ninayo nayiphi na imibuzo ngeli linge, kucelwa ningalibazisi niqhagamshelane naba bantu balandelayo:

  Zaahida Hartley, ifoni 021 467 9357 okanye ngale dilesi ye-imeyili zhartley@pgwc.gov.za
Walter Mercuur, ifoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili wmercuur@pgwc.gov.za

14. Sijonge ngethemba ekwenzeni le projekthi enika umdla kunye nani.

15. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala nabafundi beBakala 12 abachaphazelekayo kunye nabazali okanye abagcini (guardians) babo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:09

"isiHlomelo A: List of Telematic schools"  (ubukhulu: 14 KB)
"isiHlomelo B: Telematics schedule for 2011"  (ubukhulu: 28 KB)