1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze le ncwadana [Tips for Success booklet] yomviwa ngamnye woviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) eNtshona Koloni ngo-2011 ukubanceda kumalungiselelo abo eemviwo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokumalunga nokufunda, iingcebiso ngeemviwo, ithayimthebhili yoviwo, ingcaciso ngeebhasari, iingcebiso ngokuphumelela kunye nenye ingcaciso abanokuyisebenzisa. |
2. |
Injongo yale ncwadana kukuba mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 phamibi kokuba kuphele isiqingatha sokuqala sonyaka. |
3. |
Ukongeza kwezi ncwadana zabaviwa, kuya kufakwa neencwadana ezongezelelweyo eziyi-20 ezona zininzi ngesikolo ngasinye zootitshala bezifundo zeBakala 12. Ezi ncwadana ziya kusiwa ngamagosa ezithili zemfundo kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ingadlulanga i-25 Matshi 2011. |
4. |
Inqununu, okanye utitshala odluliselwe lo msebenzi, uya kucelwa atsho ukuba bazifumene iincwadana emva kokuqinisekisa ukuba inani leencwadana ezisiweyo liyangqinelana nenani labafundi beBakala 12 esikolweni, njengoko kucacisiwe kwilisti ehamba nazo ye-CEMIS. Umntu owamkela ezi ncwadana makanike ezi nkcukacha zilandelayo kwifom ehamba nazo:
- Igama lakhe, inombolo ye-ID nesiginitsha yakhe
- Igama nedilesi yesikolo
- Istampu sesikolo
- Umhla wokusiwa kwazo
- Inani leencwadana ezifunyenweyo zesiNgesi kunye/okanye zesi-Afrikansi zabaviwa beNSC
- Inani leencwadana ezifunyenweyo zootitshala beBakala 12
Ikopi enye yefom mayigcinwe sisikolo ize ikopi eyintsusa ibuyiselwe kwi-ofisi yesithili semfundo ukwenzela ukuba iqwalaselwe ngumcebisi ngezekharityhulam oyintloko.
|
5. |
Ukuba alichanekanga inani lezincwadi okanye iincwadana ezisiwe esikolweni, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezulu mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili semfundo. |
6. |
Ukwenzela ukuba ezi ncwadana zibe nezo ziphumo zinqwenelekayo zokuncedisa abaviwa xa belungiselela iimviwo zabo, kucetyiswa ngamandla ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe zizo neeklasi zabo zeBakala 12 nokuba babakhuthaze abafundi ukuba bazifunde.
|
8. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LOLAWULO LWEKHARITYHULAM
UMHLA: 2011:03:08
|
 |