1. Kucelwa nifunde le Ngcaciso iMfutshane yeFET: DCF 0038/2009 eyayithunyelwe kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ezazifundisa iFizikhali Sayensi ngo-2009. Oku kwalandelwa sisaziso esatshintsha umhla ekwakufuneka ngawo zonke ezi zikolo zizalise iikhweshine nee-inventri zazo ekhompyutheni ube yi-30 Apreli 2010.
2. Njengangoku, ikhweshine nee-inventri ezizaliswa ekhompyutheni zezikolo eziphakamileyo eziyi-185 azibhalwanga nto konke okanye zizaliswe ngokuyinxenye. Le meko iphazamisa izicwangciso zeSebe iWCED zokuthenga istokhwe nokususa umphutha weekhemikhali (chemical waste) ezikolweni zalo.
3. Ngako oko ke, zonke izikolo eziphakamileyo zeSebe iWCED ezifundisa iFizikhali Sayensi mazizalise ikhweshine nee-inventri ekhompyutheni ungadlulanga owe-03 Meyi 2011. Izikolo ezingaphumeleliyo ukwenjenjalo aziyi kuqwalaselwa xa kususwa umphutha weekhemikhali naxa kuthengwa istokhwe.
4. Izikolo mazingangenisi iikopi zazo ezingamaphepha ezizalisiweyo zeekhweshine kunye nee-inventri kwaNdlunkulu.
5. Abacebisi ngezekharityhulama kwizithili ngezithili baqeqeshiwe ukuba banike uncedo ezikolweni zabo kwaye makuqhagamshelwane nabo xa kufunwa uncedo.
6. Le yidilesi yewebhu ye-inventri ekwikhompyutha yeWCED http://cemis.pgwc.gov.za Ukunceda izikolo ukuba zifake idatha yazo ekhompyutheni, iWCED ibonelele ngesi sikhokelo i-User Guide.
7. Phambi kokuba isikolo sifake idatha yaso ekhompyutheni, masibe nekopi eliphepha yee-inventri zaso nekhweshine yaso ezaliswe zonke iinkcukacha. Iikopi ezingamaphepha zee-inventri nekhweshine kunye ne-User Guide mazikotshwe ekhompyutheni (downloaded) kweli ziko lewebhu litsha leWCED http://curriculum-dev.wcape.school.za/

Emva kokuba ulivulile iziko lewebhu, klikha u-"Tools" kumntla we-menu bar ngasekunene. Beka i-cursor yakho kwi-"Pop-up blocker" kunye nakwi-pop-up ebonisiweyo, qinisekisa ukuba icimile i-"Pop-up blocker" phambi kokuba uqhubele phambili.

Emva koko beka icursor ku-"FET: Further Education and Training". Skrola wehle nge-pop-up uze ubeke icursor yakho ku-"Sciences". Skrola uye ekunene uze emva koko uye ku-"Physical Science". Klikha ku-"Physical Science". Kwi-window entsha klikha ku-"Downloads 1", eyibhulethi yokugqibela ngasekhohlo. Kule window intsha, klikha kwifolda ye-"Circulars". Kwi-window entsha, klikha kuloo item oyikhethileyo, umz. "UserGuideEng". Kwi-window entsha, klikha ku-"Downloads". Kwi-pop-up, khetha u-"Save" uze useyivele uxwebhu olo kwi-Desktop yakho. Ungamkhethi u-"Open".

8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala abajongene nomsebenzi wokuzalisa i-inventri yeFizikhali Sayensi ekhompyutheni ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:08

ISIKHOKELO ESENZELWE OSEBENZISA OLU XWEBHU (USER GUIDE)  (ubukhulu: 186 KB)