1. Izikolo zinikwe imvume yokuba zithathe abafundi bazo zibase kwimiboniso yasethiyetha yoncwadi olumiselwe ukufundwa e-Artscape Theatre ngexesha lesikolo. Ukuya kulo mboniso kuya kuthathwa njengokhenketho lwezemfundo.

2. Ukuya kumboniso wasethiyetha ngamava obomi nawemfundo aya kufaka igalelo kumgangatho wobomi babafundi nakuphuhliso lwezakhono.

3. Ezi ncwadi zokufunda zimiselweyo zilandelayo ziya kudlalwa eqongeni:

ULWIMI IBAKALA ITAYITILE UMBHALI IMIHLA IXESHA
Isi-Afrikansi 12 Baby E K M Dido 21 - 25 Februwari 2012 10:00
IsiNgesi 11 A Midsummer Night's Dream William Shakespeare 10 - 21 Apreli 21 2012 10:00
IsiXhosa 12 Amaza Z S Qangule 30 Apreli - 12 Meyi 2012 10:30

4. Ixabiso letikiti ngalinye kootitshala nabafundi yi-R40. Ukubhukishela abantu abaninzi (block bookings) nemiyalelo yokuba kuhlawulwa njani, izikolo zicetyiswa ukuba zifonele enye yezi nombolo zilandelayo: 083 915 8000 / 011 340 8178 / 021 421 7695. Amatikiti anako kwakhona ukuthengwa kwi-Computicket okanye kwa-Shoprite-Checkers. Akukho mntu uya kuvunyelwa angene kwi-odithoriyam engenatikiti.

5. EZOTHUTHO

Ukuba ufuna isithuthi sabafundi bakho sokuya nokubuya ethiyetha, bhala ileta emfutshane ucele isithuthi, utsho amanani abo baza kuya kwaye unike nezizathu ezixhasayo ngokufutshane. Thumela isicelo sakho kule dilesi ilandelayo:

Nolan Africa / Tania Williams
Artscape Theatre
D F Malan Street
Cape Town
8001
Idilesi ye-imeyili: nolana@artscape.co.za  /  taniaw@artscape.co.za

6. INZUZO KWEZEMFUNDO
6.1 Ukubukela umboniso wencwadi emiselwe ukufundwa ethiyetha kunokubonwa njengokwandisa ukunfunda nokufundisa eklasini.
6.2 Abafundi baya kufumana ulwazi ngencwadi emiselwe ukufundwa, noluya kuthi luncede kwabona luphucule indlela abapasa ngayo uviwo lwabo.
6.3 Abafundi baya kuboniswa enye imeko eyahlukileyo ebomini engeyiyo leyo yesiqhelo yendawo abahlala kuyo neyesikolo sabo.
6.4 Abafundi baya kuboniswa ithiyetha nezobugcisa, yaye kuvuleke namehlo abo babone amathuba amakhondo omsebenzi anokuvela.

7. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bacwangcise imisebenzi yaphambi, yangexesha lokuqhutywa neyasemva komboniso.

8. Bayakhuthazwa ootitshala beelwimi namalungu eSMT ukuba benze zonke iinzame zokuthatha abafundi babo babase e-Artscape Theatre.

9. Izikolo ziya kufumana kwakhona unxibelelwano malunga noku kwi-Artscape Theatre.

10. Kucelwa wazise le ngcaciso imfutshane ilapha ngasentla bonke ootitshala beelwimi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:12:09