1. I-Letterkundeondersteuningkomitee (LOK) imema bonke ootitshala besi-Afrikansi beBakala 12 kwiSimpoziyam ka-2011 eya kubanjwa ngoMgqibelo we-19 Februwari 2011 ukususela ngo-8:30 ukuya ku-15:30 kwiYunivesithi yaseWestern Cape.
2. Injongo ephambili yale simpoziyam kukunika inkxaso ukufundiswa koncwadi kodwa kuya kubakho nogxininiso kwezinye iinkalo zezifundo ezifana nokubhala negrama. Uphawu olunye kwezikhethekileyo zesimpoziyam ka-2011, iya kuba ziinkcazo-ntetho ekufundisweni kwesi-Afrikansi uLwimi lokuQala Olongezelelweyo nguNksk Martie Venter oyimodareyitha yangaphandle enamava yaMaphepha Olwimi eSibini (Second Language Papers).
3. Iprogram yesimpoziyam iya kufumaneka kwiziko lewebhu leFET lesi-Afrikansi apha: http://curriculum.wcape.school.za/ ukususela ngei-17 Januwari 2011.
4. Intlawulo yokubhalisa kwiSimpoziyam ka-2011 yi-R100,00 umntu ngamnye. Abantu abanomdla bangayidipozitha le mali kwi-akhawunti yeBhanki yakwa-ABSA: Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA) (account number: 550 145 847, branch code: 632 005). Kucelwa usebenzise isishunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso (reference) xa ufaka idiposithi, umzekelo: LOK EERSTE RIVER SECONDARY. I-SBA iya kuthwala uxanduva lwamalungiselelo olawulo nokuqhubeka kwenkqubo zeLOK Symposium.
5. Abathathi-nxaxheba beSimpoziyam mabazalise le fom yobhaliso ifakwe apha (IsiHlomelo A) baze bayithumele ngefeksi, kunye nobungqina bentlawulo yobhaliso, ku-Nksk Christine Francke we-SBA kule nombolo yefeksi: 021 446 1012 ungadlulanga owe-28 Januwari 2011. (Inombolo yefoni yeSBA yile: 021 446 1376). Ubhaliso lunokwenziwa kule dilesi yewebhu : www.afrikaans.com.
6. Ukunceda abaququzeleli be-LOK Symposium, ootitshala bayacelwa ukuba babambelele kule mihla imiselweyo yobhaliso. Akuyi kwamkelwa zicelo zifike emva kwexesha.
7. Kucelwa uqwalasele ukuba izikhokelo ze-LOK (LOK study guides) ziya kufumaneka ngo-2011. Umthathi-nxaxheba ngamnye uya kuthi nakuba kunjalo afumane iivawutsha zenkxaso-mali eyi-R50 ukwenzela ukuthenga nokuba sesiphi na isikhokelo esinye kwi-Vlymskerp guides. Isikhokelo esinye i-Vlymskerp guide sibiza R100.
8. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:18

IsiHlomelo A: "Registrasievorm"  (ubukhulu: 11 KB)