1. I-Letterkundeondersteuningkomitee (LOK) imema bonke ootitshala besi-Afrikansi bamaBakala 10 no-12 ukuba beze kwiSimpoziyam ka-2012 eya kuba ngoMgqibelo we-25 Februwari 2012 ukuqala ngo-8:00 - 14:00 eYunivesithi yaseWestern Cape.
2. Eyona njongo ephambili yale simpoziyam kukunika inkxaso ukufundiswa koncwadi kodwa kuya kubakho nogxininiso kwezinye iinkalo zezifundo ezifana nokubhala negrama. Olunye lweempawu ezizodwa zale simpoziyam ka-2012, iya kuba kukuboniswa komdlalo webali elifutshane elithi, Baby, ngokubhalwe ngu-EKM Dido, nekuyincwadi emiselwe ukufundwa kuLwimi lokuQala oLongezelelweyo (First Additional Language) elungiselelwe ibakala 12.
3. Iprogram yesimpoziyam iya kufumaneka kwiziko lewebhu leFET lesi-Afrikansi apha: http://curriculum.wcape.school.za/ ukususela nge-5 Disemba 2011.
4. Intlawulo yokubhalisela iSimpoziyam ka-2012 yi-R130,00 umntu ngamnye. Abantu abanomdla bangayidipozitha le mali kwi-akhawunti yetshekhi yeBhanki yakwa-ABSA ye-Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans (SBA) (account number: 550145847, branch code: 632005). Kucelwa nisebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso (reference) xa ufaka idiposithi. I-SBA iya kuthwala uxanduva lwamalungiselelo olawulo nokuqhubeka kwe-LOK Symposium.
5. Abo baza kuthatha inxaxheba kwiSimpoziyam mabazalise le fom yobhaliso efakwe apha (IsiHlomelo A) baze bayithumele ngefeksi, kunye nobungqina bentlawulo yobhaliso, ku-Nks Christine Francke we-SBA kule nombolo yefeksi 086 509 8029 ungadlulanga owe-13 Janyuwari 2012. Niyakhunjuzwa kwakhona ukuba nisebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso.
6. Ukunceda abaququzeleli be-LOK Symposium, ootitshala bayacelwa ukuba balandele ngqo le mihla ibekiweyo yobhaliso. Aziyi kwamkelwa izicelo ezifike emva kwexesha. Ootitshala bokuqala abayi-525 ababhalisileyo ngaphambi kwe-13 Janyuwari 2012, baya kufumana amatikiti amahala okuya kumboniso wedrama i-Baby kwisakhiwo i-Artscape theatre ngolwesiHlanu, umhla wa-24 Februwari 2012.
7. Kucelwa niqaphele ukuba akukho zikhokelo ze-LOK (LOK study guides) ziya kufumaneka ngo-2012.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane abantu abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:12:09

IsiHlomelo A: "Registrasievorm"  (ubukhulu: 11 KB)