1. |
Isebe Lemfundo Lentshona Koloni (iWCED) libonelela ngeprogram yokurivayiza ngo-Februwari-Matshi 2012 ukuncedisa abaviwa ababhala iimviwo zokuxabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. Iprogram yokurivayiza, iqala nge-7 Februwari ize iphele nge-8 Matshi 2012. Izifundo ziya kuqhutywa ukususela ngo-15:00 ukuya ku-17:00 ngeentsuku zeveki nokususela ngo-14:00 ukuya ku-18:00 ngeeCawa. Izifundo ziya kuqhutywa ngotitshala abanamava beBakala 12 kwizikolo ezikhethiweyo eziyi- 145 zize zisasazwe ngqo lo gama ziqhutywayo ngezixhobo zesathelayithi ukuya kumaziko akhethiweyo kwizithili zemfundo ezisibhozo zaseNtshona Koloni. |
2. |
Izifundo zeNCS eziza kufundiswa zezi zilandelayo
- Mathematics
- Physical Sciences
- Accounting
- Geography
- Life Sciences
- English FAL
- Afrikaans HL
|
3. |
Esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo sinethayimthebhili yezifundo. |
4. |
Abaviwa abanqwenela ukulisebenzisa eli thuba lihle kucelwa babhalise ungadlulanga umhla we-16 Januwari 2012 kwiziko elinika inkxaso abafundi elilelona likufutshane kwindawo abahlala kuyo. (Funda isiHlomelo B ukufumana ingcaciso ngala maziko.) |
4.1 |
Abaviwa banokubhalisa izifundo zibe zininzi kangangoko befuna kwezi zingentla. |
4.2 |
Iifom zobhaliso (isiHlomelo C) ezizaliswe ngokupheleleyo mazingeniswe ngesandla okanye ziposelwe kwelona ziko linika inkxaso likufutshane ungadlulanga owe-23 Januwari 2012. |
4.3 |
Bayacelwa abaviwa ukuba beze kwizifundo namaphepha emibuzo afanelekileyo abawabhalileyo ngo-Oktobha-Novemba 2011 nezinto zabo zokubhala. |
5. |
Abaviwa abangenako ukufikelela kumaziko anika inkxaso kubafundi adweliswe kwisiHlomelo B, bangazithenga ezi zifundo zokunika inkxaso (support lessons) zikwi-DVDs ngexabiso elifikelelekayo kwiSebe iWCED ngokuzalisa ifom yoku-odola (isiHlomelo D) baze bayithumele ngefeksi kwa-EDUMEDIA apha 021 685 7421. |
6. |
Kucelwa iinqununu zinike ikopi yethayimthebhili yokurivayiza neefom ezifanelekileyo umviwa ngamnye ofanelekileyo ukubhala iimviwo zokuxabangela ngo-Februwari-Matshi, ngosuku abaze kuthatha ngalo iziphumo zabo esikolweni. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:12:03
|
|