1. IProgram i-Quality Improvement, Development, Support and Upliftment Programme (QIDS UP) liphulo elijolise ekuboneleleni izikolo ezingabizi zifizi kumanqanaba 1,2 no-3 entlupheko kazwelonke ngezibonelelo zokukhuthaza ukufunda nokufundisa okuyimpumelelo.
2. Ngeprogram ye-QIDS UP, iSebe Lemfundo Lentshona Koloni (iWCED) lenze amalungiselelo okuba umfundi ngamnye kwiSigaba seSiseko kwizikolo zeNqanaba 1 lentlupheko afumane ubhaka wesikolo onezinto zokubhala.
3. Ezi zinto ziya kusiwa esikolweni sakho ngowe-2 Disemba 2011. Siyacelwa isikolo ukuba sibagcine aba bhaka ngokukhuselekileyo size sinike umfundi ngamnye okula maBakala 1 ukuya ku-3 ubhaka ngosuku lokuqala lekota yokuqala ka-2012. Incwadi yeMathematika enikwa iBakala 1 kufanele ukuba nayo ibe ifakwe koobhaka abafanelekileyo.
4. Isikolo masisebenzise uluhlu lokutshekisha olufakiweyo ukungqinisisa ukuba ngaba izinto zokubhala zifunyenwe ngokwemilinganiselo echanekileyo na yaye zikwimeko entle.
5. Uluhlu lokutshekisha malusayinwe yinqununu negosa lesithili semfundo kufakwe isitampu sesikolo phambi kokuba luthunyelwe kwaNdlunkulu njengobungqina bokugqitywa ngokupheleleyo kokusiwa kwezi zibonelelo. Kucelwa luthunyelwe ngeposi kuNks V Madasi, QIDS UP (Room 540), Western Cape Education Department, Grand Central Building, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.
6. Ukusetyenziswa kwezi zibonelelo kuya kubekwa esweni yaye kuhlolwe liSebe iWCED.
7. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqhagamshelane nomntu ochazwe apha ngentla kwiletahedi.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:11:15

"Stationery packs check list at QIDS UP primary schools"  (ubukhulu: 32 KB)