1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iSebe iDBE) alimiselanga ziincwadi zakufunda zintsha kuzo zonke iilwimi zaseburhulumenteni kwiNqanaba loLwimi lokuQala nolweSibini oloNgezelelweyo ngethutyana eliqala ngo-2012 - 2013. Imeko ihlala ingatshintshanga ngeli thutyana.
2. Kucelwa nifunde iSetyhula eMfutshane yeSebe iWCED 0049/2008, yomhla we-8 Disemba 2008, enika iinoveli, imidlalo, namabali amafutshane kunye neengqokelela zesihobe ezimiselwe ukufundwa kuLwimi lweeNkobe, lokuQala, nezoNgezelelweyo ngoNovemba 2009 kuye kutsho kuMatshi 2012. Makuqatshelwe ukuba iSebe iDBE lilandisile ithuba lokumiselwa kolu luhlu lweencwadi ukwenzela ukuba lifake neli thutyana eliqala ngo-2012 - 2013.
3. Kucelwa nifunde kwakhona iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leKharityhulam yeFET yeSebe iWCED: DCF 0010/2010, yomhla we-19 Oktobha 2010, enika izintlu zemibongo emiselwe ukufundwa (kuLwimi lweeNkobe noLwimi lokuQala oLongezelelweyo) namabali amafutshane (kuLwimi lokuQala nakoLwesibini oLongezelelweyo) ngo-2011 - 2012. IiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zethutyana eliqala ngo-2012 - 2013 ziya kusetwa kwimibongo ekhethwe kwakolu luhlu lunye lwemibongo (kuLwimi lweeNkobe nakuLwimi lokuQala oLongezelelweyo) namabali amafutshane (kuLwimi lokuQala nakoLwesibini oLongezelelweyo).
4. ISebe iDBE alimiselanga luhlu lutsha emakukhethwe kulo lwamabali amafutshane kwiiLwimi zesiNtu ngeli thutyana liqala ngo-2012 - 2013.
5. Kucelwa wazise le ngcaciso ilapha ngasentla ootitshala beelwimi beBakala 12.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO LWEZEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:11:10