1. |
Kwiinzame zokuncedisa abaviwa beBakala 12 abalungiselela iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate examinations), iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kusebenzisa izikhululo zeradiyo zasekuhlaleni (community radio stations) ukusasaza iiprogram ezijolise ekulungiseleleni iimviwo zokuphela konyaka. |
2. |
Ootitshala nabacebisi bekharityhulam bezi zifundo baya kunika uthotho lweentetho kwiradiyo, bagxile kwikhontenti yesifundo, kumacebo okubhala iimviwo neengcebiso zokufunda (study methods).
|
3. |
Ezi program ziya kusasazwa zezi zikhululo zeradiyo zilandelayo:
Isikhululo seradiyo |
Amaza omoya |
Bush Radio |
89.5 FM |
Radio Zibonele |
98.2 FM |
West Coast Radio |
92.3 FM |
Radio Eden FM |
93.8 FM (George) 87.8 FM (Hessequa) 103.6 FM (Karoo) |
Radio KC |
107.7 FM |
|
5. |
Abaviwa, ootitshala nabazali banako ngokunjalo ukungenisa imibuzo ephathelele kwiimviwo zeBakala 12 ngokuyithumela nge-imeyili apha matricassist@pgwc.gov.za Imibuzo yabo iya kuphendulwa ngabacwangcisi bezekharityhulam abakhulu nabacebisi bezifundo. |
6. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni libanqwenelela okuhle kodwa bonke abaviwa beBakala 12 kumalungiselelo abo eemviwo zokuphela konyaka. |
7. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabaviwa beBakala 12 ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:09:16
|
|