1. Kucelwa ufunde ingcaciso emfutshane i-Curriculum FET Minute (DCF) 0007/2011 malunga namalungiselelo okuqhutywa koqhelaniso noqeqesho kwikhontenti ye-CAPS kwabo bonke ootitshala. Nceda ujonge kumhlathi wesi 5 no 6 wale mbhalelwano malunga nolwazi oluphangaleleyo ngemihla nexesha lwenkqubo noqeqesho:

Ulwazi oluphangaleleyo:

1.1 Oku kuza kuqala ngentsimbi yesi 15:00 ngoLwesihlanu emva kwemini kuye ngeye 17;00 kuqhubekeke ngoMgqibelo kusasa ngo 8:00 ukuya ngo 17:00.
1.2 Kunyanzelekile ukuba wonke utitshala abe khona.

Uqeqesho:

1.3 Oku kuya kuqhubeka ngeholide kaSeptember iintsuku ezimbini ukuqala ngo 8:00 ukuya ngo 16:00.
1.4 Ootitshala baya kufumana uqeqesho malunga nemiba emitsha yeCAPS.

2. Ukongeza kuloo ngcaciso imfutshane, ngokwenjenje sazisa ukuba sele enziwe nguNdlunkulu amalungiselelo okuqhelaniswa kunye noqeqesho kwikhontenti ye-CAPS kootitshala beBakala 10 abanezifundo ezinamanani obhaliso amancinane.

3. Esi sihlomelo siqhotyoshelweyo sinika izifundo, imihla namaxesha neendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo uqhelaniso noqeqesho.

4. Ukuba kuye kwayimfuneko ukuba kutshintshwe nawaphi na amalungiselelo, ziya kwaziswa izikolo ngumcwangcisi wekharityhulam oyintloko ochaphazelekayo.

5. Kucelwa uqaphele ukuba uqhelaniso noqeqesho kwikhontenti kwizifundo ezinamanani obhaliso amakhulu, luya kuququzelelwa zii-ofisi zezithili zemfundo, neziya kuthi zinazise ngamalungiselelo.

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE: WOLAWULO NOVAVANYO LWEKHARITYHULAM
UMHLA: 2011:09:15

"CAPS Orientation and training of Grade 10 teachers - Timetable for small enrolment subjects"  (ubukhulu: 77 KB)