1. |
Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0007/2011, yomhla we-28 Matshi 2011, eyayihamba kunye nethayimthebhili yokugqibela yeeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zango-Oktobha-Novemba 2011. Ithayimthebhili yokuqala ebithunyelwe neSetyhula 0007/2011 mayitshatyalaliswe kwangoko nangoko wakufumana le inezilungiso. |
2. |
Kwithayimthebhili yeNSC kwaboniswa ukuba ngomhla we-01/12/2011 kuya kubhalwa i-Religion Studies Paper 2 nge-30/11/2011. Lo mhla mawutshintshwe ube nguLwesine we-01/12/2011.
|
3. |
Kwakhona, umhla we-01/12/2011 waboniswa ngokungachanekanga kwithayimthebhili kwathiwa nguLwesibini endaweni yokuba kuthiwe nguLwesine. |
4. |
Ngako oko ke, ingcaciso ngezi mviwo zimbini zichaphazelekayo mayilungiswe ngolu hlobo lulandelayo:
UMHLA |
ISESHONI |
IXESHA |
IKHOWUDI |
ISIHLOKO |
ULwesine, 01/12/2011 |
52 |
09:00 - 11:00 |
RLGS.2 |
Religion Studies Paper 2 |
ULwesine, 01/12/2011 |
53 |
14:00 - 17:00 |
DSGN.1 |
Design |
|
5. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngezi zilungiso bonke abaviwa ababhala iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-Oktobha -Novemba 2011, ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:05:10
|
 |