1. Le ngcaciso imfutshane kufanele ifundwe kunye nolu xwebhu The National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the GET Band (Government Gazette No. 29626 of-2007), olucacisa iimfuno ezingummiselo zokugqithela kwelinye ibakala (progression) kumaBakala R - 8, nezokupasa kwabafundi (promotion) kwiBakala 9.
2. Iimfuno ezingummiselo ezikhoyo ngoku zokugqithela kwelinye ibakala nokupasa kwabafundi, njengoko kucacisiwe kwiGazethi kaRhulumente No. 29626, ziya kusetyenziswa kumabakala R - 9 ngo-2011.
3. Izikolo eNtshona Koloni ziya kuqhubeka neeprogram zovavanyo zazo zangaphakathi (internal programmes of assessment) yaye ziqhube ezazo iimviwo zangaphakathi (internal examinations) kuzo zonke iinkalo zezifundo kwiBakala 9.
4. Iimviwo zangaphakathi zeBakala 9 eziza kuqhutywa ngeKota yesi-4 mazenze i-25% yamanqaku ewonke kwinkalo yesifundo nganye. amanqaku okupasa okugqibela
5. Olunye uvavanyo olumiselweyo lweBakala 9 luya kwenza i-75% yamanqaku ewonke kwinkalo yesifundo ngasinye.
6. Ishedyuli yokupasa kwabafundi beBakala 9 iyafumaneka njengangoku kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS), phantsi kwesihloko esithi Reports.
7. Njengoko kuqhele ukwenziwa ngaphambili, izikolo mazinike ii-ofisi zezithili zemfundo zazo ikopi yekhompyutha yeshedyuli yokupasa kwabafundi beBakala 9 ungadlulanga owe-7 Deisemba 2011. Ii-ofisi zezithili zemfundo mazingenise i-CD enazo zonke iishedyuli zamanqaku zezikolo kwiCandelo loLawulo loVavanyo ungadlulanga owe-13 Disemba 2011.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, nabazali abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:15

"Government Gazette No. 29626 of 2007"  (ubukhulu: 894 KB)