1. Le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo ijolise ekucaciseni le Mimiselo yoVavanyo Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (NSC) ngokumalunga nethuba lokusebenza ngokusemthethweni komsebenzi woVavanyo oluQhubekela esiKolweni (SBA), umSebenzi woVavanyo lwePrakthikhali (Practical Assessment Task), namanqaku e-Orali (Oral marks).
2. Ummiselwana (5) woMmiselo 7 (iphepha 14) kule Mimiselo Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate (kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 ye-29 Agasti 2008) ucacisa ukuba "Amanqaku oVavanyo oluQhubekela eSikolweni afunyenwe ngumfundi ophindayo kuviwo lwakhe lokugqibela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) aya kusebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emithathu (3) emva kokugqitywa koviwo lweNSC olubhalwe ngumviwa".
3. Ngokwalo mmiselo, amanqaku eSBA omviwa obhale uviwo lweNSC ngo-2008 asebenza ngokusemthethweni kude kube ngu-2011.
4. Ummiselwana (5) woMmiselo 7 (iphepha 16) kule Mimiselo Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, efakelwe izilungiso kwiZaziso zikaRhulumente No 1327 no-1328 kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 522, No. 31680 ye-12 Disemba 2008, nakwiZaziso zikaRhulumente No. 1041 no-1042 kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 533, No. 32678 ye-3 Novemba 2009, ucacisa ukuba "UVavanyo oluQhubekela eSikolweni, ii-Practical Assessment Task (PAT), uVavanyo lwePrakhtikhali (Practical Assessment) naManqaku e-Orali (Oral marks) afunyenwe ngumviwa kuviwo lwakhe lokugqibela lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke aya kusebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emibini (2) emva kokugqitywa kokubhalwa kweeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zokuqala ezibhalwe ngumviwa".
5. Ngokwalo mmiselo, iSBA, iPAT, uvavanyo lweprakhtikhali- namanqaku e-orali omviwa owabhala imviwo zeNSC ngo-2009 nakwiminyaka elandela emva koko aya kusebenza ngokusemthethweni ithuba leminyaka emibini (2) emva komhla woviwo. Oku kuthetha ukuba, umviwa owabhala imviwo zeNSC ngo-2009, iSBA isebenza ngokusemthethweni kude kube ngu-2011, yaye kumviwa owabhala imviwo zeNSC ngo-2010, iSBA isebenza ngokusemthethweni kude kube ngu-2012. ISBA, iPAT, uVavanyo lwePrakhtikhali- namanqaku e-Orali zabaviwa abaza kubhala imviwo zeNSC zangoNovembha 2011 ziyakusebenza kude kube nguNovembha 2013.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise le ngcaciso bonke abaviwa abaphindayo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:11

"Government Gazette No. 31337 of 29 August 2008"  (ubukhulu: 2 180 KB)
"Government Gazette No. 32678 of 3 November 2009"  (size: 596 KB)