1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libulela zonke izikolo nezithili zemfundo ngeenzame zazo ezinkulu ezizibonise ekuqhubeni ii-Annual National Assessments (ANA). Inqanaba lokuzimisela kwenu lenze ukuba ii-ANA zibhalwe zizikolo eziyi-99% eNtshona Koloni, nto leyo ethakazelelwe kakhulu.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) livakalise ukuba abafundi abangakhange bazibhale ii-ANAs, kubandakanywa nabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo, mabazibhale phambi kwe-4 Matshi 2011. Amaphepha emibuzo atshintshwe apha naphaya ukulungiselela abaneemfuno ezizodwa zemfundo, aya kubonelelwa liSebe leMfundo esiSiseko.
3. Kucelwa onke amanqaku afakwe kwiCEMIS ngaphambi kowe-4 Matshi 2011. Kuya kufunwa kuphela amanqaku ewonke enkalo yesifundo nganye omfundi ngamnye. Irejista yabafundi (kwakunye nemakhishiti) inokufunyanwa ngokuklikha ku-"Annual Assessment", phantsi kwesi sihloko "Assessments".
4. Kufuneka izikolo zinike abazali iingxelo ngenkqubo yabantwana babo kwii-ANA ngadlulanga owe-4 Matshi 2011. Ezi ngxelo zinokuprintwa kwiCEMIS kuprintwe ezeklasi neklasi.
5. Ii-ofisi zezithili zemfundo maziqokelele iisampula ezifunekayo zeencwadi zeempendulo ezikolweni ezikhethwe yiDBE ungadlulanga owe-24 Februwari 2011 ukwenzela ukuba zihlale zulungele ukuthathwa kwi-ofisi zezithili zemfundo ezo nge-25 Februwari 2011.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WECANDELO LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:02:21