1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neZiqendu 2.1.1. no-2.1.2 zeNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo noLawulo 0001/2010: Isishwankathelo sazo zonke iimviwo zangaphandle neemvavanyo eziya kuqhutywa kwizikolo eziziiprayimari, kwizikolo eziziisekondari nakumaziko emfundo yabadala ngo-2010. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukunika ingcaciso engaphezulu ngokulawulwa nokuqhutywa kweeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka (Annual National Assessments) (ANA) ezicwangciselwe u-2011.
2. Ii-ANA ziya kubhalwa ukuqala nge-8 - 11 Februwari 2011. Le mihla ibhaliweyo iyavela kule thayimthebhile imiselweyo iqhotyoshelweyo apha. Ukungalandeli ngqo le mihla namaxesha kuya kuba kukutenxa kwinkqubo yokubhalwa kweemvavanyo (assessment irregularity).
3. Izikolo mazikhumbule ukuba olu lusuku lwesikolo oluqhelekileyo kwaye ukufunda nokufundisa makuqhubeke emva kokuba uvavanyo lugqityiwe.
4. Abafundi baya kubhala iimvavanyo zamabakala abebekuwo ngo-2010. Ngaloo ndlela, abeBakala 2 baya kubhala iimvavanyo zenqanaba leBakala 1, abeBakala 3 babhale iimvavanyo zenqanaba leBakala 2, abeBakala 4 baya kubhala iimvavanyo zenqanaba 3, abeBakala 5 babhale iimvavanyo zenqanaba leBakala 4, abeBakala 6 baya kubhala iimvavanyo zenqanaba leBakala 5, abeBakala 7 babhale iimvavanyo zenqanaba leBakala 6, baze abeBakala 10 babhale iimvavanyo zeBakala 9 (kwisampula yezikolo). Abafundi abaphinda ibakala baya kubhala uvavanyo lwenqanaba elifanayo oontanga babo abalubhalayo kwibakala elo.
5. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) (DBE) lichonge isampula yezikolo eziyi-202 ezifundisa amaBakala 3 nele-6, kwanezikolo eziyi-52 ezifundisa iBakala 9, kweli phondo ukwenzela ukuba kuqhutywe ngokuzimeleyo iimvavanyo nokumodareyithwa kweziphumo. Iinqununu zezi zikolo sezazisiwe malunga noku.
6. Zonke izikolo ezingeyonxalenye yale sampula ingasentla yezikolo ziya kuba zithatha inxaxheba kwii-ANA zamaBakala 1 - 6, eziqhutywa phantsi kweliso leekomiti zolawulo zezikolo (school management teams).
7. Njengoko olu iluvavanyo lukazwelonke, ukubeka esweni kuya kwenziwa ngamagosa e- ofisi yesithili semfundo, amagosa ka Ndlukulu ngokunjalo nangabameli beSebe iDBE.
8. Ii-ofisi zezithili zemfundo ziya kusebenzisana nezikolo ekuzisweni, ekulawuleni nasekuqhutyweni kwee-ANA ngoJanuwari 2011.
9. Iinqununu maziqinisekise ukuba zifumana inani elichanekileyo lezinto zokubhala uvavanyo kwibakala ngalinye, kwinkalo yesifundo nganye / kwisifundo nakulwimi lokufunda nokufundisa ngalunye. Kufuneka iinqununu ziqinisekise ukhuseleko nokuhlala kuyimfihlo kwamaphepha emibuzo nezinto eziza kusetyenziswa kuvavanyo ngawo onke amaxesha.
10. Ukuthatha inxaxheba kwezi mvavanyo linyathelo elinye elisingise ekuphuculeni iziphumo zoLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala lwabafundi bethu kwaye ke ngoko iinqununu ziyacelwa ziqinisekise ukuba ezi mvavanyo zimakishwa zize zimodareyithwe ngaphakathi nge-25 Februwari 2011. Ukumodareyitha kwesithili makube sekugqityiwe nge-11 Matshi 2011.
11. Izikolo mazifake onke amanqaku amodareyithiweyo abo bonke abafundi kwinkalo/ isifundo ngasinye kwi Centralised Education Management Information Systems )(CEMIS) ungadlulanga owe-25 Matshi 2011. Kuphela yitotali yamanqaku kwinkalo/ kwisifundo ngasinye eya kufuneka.
12. Ukunceda ekulungiseleleni abafundi kakuhle uvavanyo olulolu hlobo, imizekelo (exemplars) yeeMvavanyo zikaZwelonke zoNyaka zeemvavanyo zenqanaba lamaBakala 3 nelesi-6 isengakotshwa ngekhompyutha (can be downloaded) kweli ziko lewebhu leSebe iDBE http://www.education.gov.za. Klikha ku-Annual National Assessments kwikona ephezulu ngasekunene kwi-Curriculum News box ukufumana imizekelo.
13. Kucelwa ngesihle amagosa ee-ofisi zezithili zemfundo neenqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala bazo, abafundi kunye nabazali.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:21

ITHAYIMTHEBHILE EHLAZIYIWEYO YEEMVAVANYO ZONYAKA KAZWELONKE NGO – 2011  (ubukhulu: 31 KB)