1. Intshayelelo

Kuye kwasetwa imisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali (practical assessment tasks) (PAT) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo esiSiseko (DBE). Ezi PAT zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe kwalapha kwiphondo.


2. Izifundo ezibandakanya i-PAT zezi:
2.1 Agricultural Management Practices, Agricultural Technology
2.2 Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts
2.3 Computer Applications Technology, Information Technology
2.4 Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism
2.5 Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology

3. Ukuvavanywa kwee-PAT
3.1 Isikhokelo seSebe leMfundo esiSiseko sokuvavanywa kwee-PAT sihamba nale Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo loVavanyo (Assessment Mangement Minute)
3.2 Lengcaciso emfutshane ihamba ne-CD enemisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali ka-2011.
3.3 Ii-PAT zinika ithuba ootitshala ukuba baqaphele ubuchule obusetyenziswayo bomfundi kwisifundo esichaphazelekayo kwaye kufuneka zenziwe njengomsebenzi omnye owongeziweyo, ohlula-hlulwe wangamacandelo amancinane, okanye waluthotho lwemisetyenzana emifutshane.
3.4 Ezi zikhokelo zihamba nee-PAT mazinikwe ootitshala bezifundo abachaphazelekayo ukuze bakwazi ukusebenzisa la maxwebhu ekwenzeni ezi mvavanyo.
3.5 Inkxaso evela kubacebisi bezifundo abachaphazelekayo (relevant subject advisers) nabacwangcisi abakhulu bezekharityhulam kuyakubonelelwa ngayo ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zesithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PAT.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise oku kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ezikolweni zabo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:01:21


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).