1. INTSHAYELELO
1.1 Kuye kwasetwa imisebenzi yovavanyo lweeprakthikhali (practical assessment tasks) (PAT) kwizifundo ezikhethiweyo liSebe leMfundo esiSiseko (DBE).
1.2 Ezi PAT zivavanywa ngaphakathi ezikolweni zize zimodareyithwe ngamagqiza angaphandle kwalapha kwiphondo.

2. IZIFUNDO EZIBANDAKANYA I-PAT ZEZI:
2.1 Agricultural Management Practices, Agricultural Technology
2.2 Dance Studies, Design, Dramatic Arts, Music, Visual Arts
2.3 Computer Applications Technology, Information Technology
2.4 Consumer Studies, Hospitality Studies, Tourism
2.5 Civil Technology, Electrical Technology, Engineering Graphics and Design, Mechanical Technology

3. UKUVAVANYWA KWEE-PAT
3.1 ISebe leMfundo esiSiseko lilungise isikhokhelo sokuvavanywa kwee-PAT esihamba nale Ngcaciso iMfutshane yeeMvavanyo (Assessment Minute).
3.2 Lengcaciso emfutshane ihamba ne-CD enemisebenzi yovavanyolweeprakthikhali ka-2012.
3.3 Ezi zikhokhelo zincanyathiselweyo zePAT mazinikezelwe kootitshala abafanelekileyo ukwenzela ukuba zisetyenziswe ukubhajetha nokucwangcisela ukuqaliswa kwezi mvavanyo kwiikota ezintathu zokuqala zika-2012.
3.4 Kuya kunikwa inkxaso ngabacebisi abachaphazelekayo kwezi zifundo (relevant subject curriculum advisers) abakwii-ofisi zezithili zemfundo ekuhambeni konyaka. Ngako oko ke kufuneka izikolo ziqinisekise ukuba ootitshala abachaphazelekayo bayaya kwiintlanganiso zesithili ezisingethe ukuvavanywa nokumodareyithwa kwee-PAT.

4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ezikolweni zabo ukuze bakuthathele ingqalelo


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:11:14


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).