1. INTSHAYELELO
1.1 Ulawulo ngendlela eyiyo lweemviwo kwiziko lemfundo ngumba obaluleke gqitha kwinkqubo yeemviwo. Ngokwemigaqo-nkqubo kazwelonke neyamaphondo kwakunye nangokolu xwebhu Regulations pertaining to the Conducting, Administration and Management of Assessment for the National Senior Certificate, iinqununu zezikolo zimelwe kukuphendula (are accountable) ngazo zonke iimviwo eziqhutyelwa ezikolweni zazo.
1.2 Nangona kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke okanye ze-ABET Level 4 kungaphazamiseka ngo-2011, kubaluleke kakhulu ukuba kwenziwe isicwangciso esibanzi solawulo lweemeko ezingayingozi (comprehensive risk management plan) liziko ngalinye ukulungiselela ukusingatha ukuphazamiseka okungathi kuchaphazele ulawulo nokubhalwa kwezi mviwo.

2. ISICWANGCISO SOKUQULELA OKUNGEHLA ESIMALUNGA NOKUSINGATHA IIMEKO ZIKAXAXEKA
2.1 Njengoko iintlobo zeemeko zikaxakeka zinokwahluka apha naphaya, iSebe iWCED liqulunqe le nkqubo ilandelayo enjongo yayo ikukufikelela kwiimeko apho kukho imfuneko yokunciphisa ubuzaza besiphumo sokukhutshwa ngobungxamo kwindawoyokubhalela iimviwo ngenxa yokuvela kwemeko kaxakeka. Kubaluleke gqitha ukuba onke amaziko alungiselela abaviwa ababhala ezi mviwo, alandele inkqubo efanayo emayisetyenziswe.
2.1.1 Ukuba kuvela imeko kaxakeka phambi kokuba abaviwa baqale ukubhala, mabangavunyelwa bangene kwindawo yokubhalela (kwiindawo zokubhalela) iimviwo bengakhange bayalelwe ukuba benjenjalo. Nakuba kunjalo, mabagcinwe bodwa bangadibani namanye amaqela yaye basoloko begadiwe.
2.1.2 Ukuba imeko kaxakeka ivela ngexesha abaviwa bebhala kwaye kucacile ukuba kunyanzelekile ukuba kuphunywe ngobungxamo egumbini lokubhalela uviwo, abaviwa mabawiselwe imiyalelo yokuba:

  • bashiye zonke iincwadi zivaliwe phezu kweedesika zabo;
  • baphume kwigumbi lokubhalela uviwo, kuphunywe kwigumbi ngalinye ngexesha, yaye ngalo lonke ixesha babe phantsi kweliso lomgadi wabaviwa (labagadi babaviwa) kunye nomgadi wabaviwa oyintloko, naphantsi kolawulo lwenqununu njengeyongameleyo. Kungacelwa nabanye ootitshala (ingengabo abo kubhalwa izifundo zabo) beze kuncedisa ekugadeni abaviwa;
  • bangathethi okanye banxibelelane nabanye ngayo nangayiphi na indlela;
  • bangabinazincwadi, maphepha, njl. njl apho kubo;
  • bangabinaziselula apho kubo;
  • bahlale bethe cwaka kwindawo efanelekileyo kumhlaba wesikolo bebekwe ngokwahlukeneyo omnye komnye ukuze kungabikho nxibelelwano luqhubekayo phakathi kwabo;
  • babuyele ngenzolo bethe cwaka kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) xa benikwe imvume yokwenjenjalo baze baqhubeke nokubhala besusela apho bebeyeke khona.
2.1.3 Abaviwa mabanikwe elo xesha lisaleleyo kwelo belimiselwe ukuze bagqibe ukubhala uviwo bakuba bebuyele kwigumbi leemviwo (kumagumbi eemviwo) o.k.t. ixesha lilonke elabelwe iphepha elo, kophulwe ixesha abalisebenzise ekubhaleni phambi kokukhutshwa ngobungxamo.
2.2 Inqununu, umgadi wabaviwa oyintloko kunye nabanye abagadi babaviwa mabagade abaviwa ngalo lonke ixesha. Ngamnye umgadi wabaviwa unoxanduva lokusoloko egade iqela labaviwa bakhe.
2.3 Kwimeko yokukhutshwa ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo, makwaziswe umphathi wekomiti yesekethe okanye umlawuli we-ofisi yesithili semfundo sakho ngoko nangoko. Umphathi wekomiti yesekethe okanye elinye igosa elityunjelwe oko apho kwisithili, liya kuzama ukuya kwisikolo eso ngokukhawuleza ukwenzela ukuba liqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo sisikolo. Eli gosa lityunjelwe oko livela kwi-ofisi yesithili semfundo malijongisise yonke imeko ngoqwalaselo olukhulu ukususela kwixesha elifike ngalo kweso sikolo.
2.4 Ukungaphumeleli ukukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa ngokungqinelana ngqo nenkqubo ebekiweyo kuya kuchaphazela ukuthembeka koviwo njengolungenachaphaza kwaye kungakhokelela ekubeni kwenziwe amanye amalungiselelo, anjengokuphinda kubhalwe elo phepha lichaphazelekayo ngomnye umhla.
2.5 Iinqununu mazixelele abaviwa ngesicwangciso sesikolo esenziweyo sokuqulela okungekehli ukuba kuvele imeko efuna bakhutshwe ngobungxamo abaviwa neziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngendlela eyiyo.
2.6 Kwimeko engalindelekanga mpela yokuba kufuneke ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iSebe iWCED liya kwazisa ngoko nangoko, zonke iinqununu emva kokwenziwa kwesigqibo esinjalo.

3. ULAWULO LWEEMEKO EZINGAYINGOZI
3.1 Iinqununu mazisebenzise olu luhlu lokutshekisha luqhotyoshelweyo ukuzinceda ekuqapheleni iimeko ezingayingozi ekuqhutyweni ngempumelelo kweemviwo yaye mazenze esazo isicwangciso solawulo lweemeko ezingayingozi kwangokunjalo.
3.2 Nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo ngelo xesha kufuneka kuxelwe ngoko nangoko komnye wala magosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni.

  Nksk Z Modimakwane, 021 467 2057, Iselula, 071 683 6286
Mnu AP Clausen, 021 467 2945, Iselula, 082 773 9980
Nksk T Singh, 021 467 2541, Iselula, 084 312 8333
Mnu BK Schreuder, 021 467 2518, Iselula, 082 373 5989

4. ISebe iWCED lininqwenelela okuhle kodwa ngeli thuba lezi mviwo zizayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:09:26

ULUHLU LOKUTSHEKISHA ULAWULO LWEEMEKO EZINGAYINGOZI KWIIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE NEZEMFUNDO YABADALA KWINQANABA 4  (ubukhulu: 29 KB)