1. I-Cape Teaching & Leadership Institute (CTLI) iya kuba iqhuba iikhosi, iinkomfa neesemina ezidweliswe kwiziHlomelo A, B, C, D no-E zeenqununu, zamasekela-nqununu, zootitshala abaziintloko zamacandelo ezifundo nezootitshala ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo ngo-2012.

2. Amagosa ezithili makatyumbe ootitshala amabeze kwezi khosi zoqeqesho ze-CTLI yaye umlawuli wesithili semfundo makasayine amagama abatyunjiweyo phambi kokuba angeniswe kwi-CTLI. Ootitshala abanomdla wokuza kwezi khosi bayacetyiswa ngamandla ukuba babhalise, ngokudlula kuqala kumagosa ee-ofisi zezithili zemfundo zabo. (Funda isiHlomelo F ukufumana iinkcukacha zoqhagamshelwano zamagosa ezithili zemfundo). Isikolo masingaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko, siwathumele amagama abatyunjelwe iikhosi zoqeqesho ngqo e-CTLI.

3. Ubhaliso kwiinkomfa neesemina malwenziwe ne-CTLI ngqo.

4. Kuya kuqeshwa ootitshala ababambeleyo liSebe iWCED endaweni yezo titshala eziya ezikhosini ze-CTLI ngethuba leekota zesikolo, ngokuxhomekeka ekubeni

  • akukho titshala ungaphezu kwemfuno (no teacher is in excess) esikolweni;
  • utitshala obambeleyo akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala obambeleyo akasele ebambele omnye utitshala.
5. Luxanduva lwesikolo ukufumana nokutyumba utitshala oza kubambela utitshala oza kuya ekhosini.

6. Iikhosi ziyaphinda-phindwa amaxesha amaninzi apha enyakeni ukwenzela ukuba otitshala bakhethe iikhosi ezifundiswa ngamaxesha abanako ngawo ukuya ezikhosini ngokupheleleyo (attend a full course).

7. Ngootitshala abayi-50 kuphela abanokubhaliselwa ikhosi nganye. Aba titshala baya kutyunjwa kuzo zosibhozo izithili zemfundo. Oku kuthetha ukuba kuphela lelo nani liqingqiweyo lootitshala amabeze ekhosini nangaliphi na ixesha.

8. Amagama abo bathe batyunjwa zii-ofisi zezithili zemfundo abaza kuthabatha inxaxheba kwiikhosi zekota yokuqala ka-2012, mawafike e-CTLI ungadlulanga owe-25 Novemba 2011. Amaxesha okungenisa amagama abatyunjwa abaza kuza ezikhosini eziza kuqhutywa kwikota ezintathu ezilandelayo ku-2012, obuye aziswe yiCTLI kwikota yokuqala ka-2012.

9. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane ngaphandle kwamathandabuzo nomnye wala magosa ase-CTLI alandelayo:

Nobantu Pasiya
André Lamprecht
Magdalena Benn
Keith Scheepers
Inombolo yefoni 021 900 5022 OKANYE
Inombolo yefoni 021 900 5020 OKANYE
Inombolo yefoni 021 900 5016 OKANYE
Inombolo yefoni 021 900 5018 OKANYE
npasiya@pgwc.gov.za
alamprec@pgwc.gov.za
mabenn@pgwc.gov.za
kscheepe@pgwc.gov.za

10. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI -JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:11:02

IziHlomelo A: "Foundation Phase Programme Courses"  (ubukhulu: 16 KB)
IziHlomelo B: "Intermediate Phase Programme Courses"  (ubukhulu: 14 KB)
IziHlomelo C: "Senior Phase Programme Courses"  (ubukhulu: 12 KB)
IziHlomelo D: "School Management Programme Courses"  (ubukhulu: 15 KB)
IziHlomelo E: "School holiday and week-end interventions"  (ubukhulu: 31 KB)
IziHlomelo F: "CTLI Co-ordinators in the Districts"  (ubukhulu: 21 KB)