1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukwazisa ukuba ziibhasari eziyi-230 eziza kufumaneka kumalungu eekomiti zolawulo lwesikolo (school management teams) anqwenela ukufumana i-Advanced Certificate in Education (ACE): School Leadership (SL).

2. Injongo yekhosi i-ACE SL kukuphucula imfundo ezikolweni ngokuphuhlisa iikomiti zolawulo lwesikolo kubunkokeli besikolo nolawulo.

3. Aba bantu balandelayo banokufaka izicelo zebhasari ye-ACE: SL:

  1. Iinqununu ezikwi-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koku
  2. Amasekela-nqununu akwi-REQV 13 (M+3) okanye ngaphezu koku
  3. Iintloko zamaCandelo eZifundo (Heads of Departments) ezikwi-REQV 14 (M+4) okanye ngaphezu koku
4. Izicelo zabo ziya kuthathelwa ingqalelo ngokuxhomekeka ekubeni umenzi-sicelo ngamnye uyahlangabezana nazo zonke ezi mfuno zingummiselo zilandelayo:

  1. Makabe uqeshwe isigxina liSebe iWCED
  2. Makahlangabezane neemfuno ezingummiselo zokwamkelwa kuloo yunivesiti ifanelekileyo (Makufundwe isiHlomelo A)
  3. Makangabi ngofumene enye ibhasari karhulumente okanye nayiphi na enye ibhasari
  4. Makabe ngongabhalisanga kuyo nayiphi na iyunivesithi xa ebhalisa
  5. Makabe ubhalisele ithuba elipheleleyo lale khosi
5. Ikhosi ye-ACE SL iya kuba yenziwa ngokungesosigxina (part-time) ithuba leminyaka emibini ukususela ngoJanuwari 2012 ukuya kuDisemba 2013. Ikhosi iya kukhokelela kwibanga lemfundo i-NQF Level 6 yaye iya kwenziwa ngendlela ye-network education kwakunye neeseshoni zokuba seklasini ngethuba leeholide zesikolo. (Funda IsiHlomelo A)

6. Ibhasari nganye iya kuhlawulela iifizi zobhaliso nezokufunda yaye ziya kuhlawulwa ngqo kwi-akhawunti yebhanki kwiziko lemfundo ephakamileyo elichaphazelekayo.

7. Indawo yokuhlala, elungiswe yiyunivesithi ekuvunyelwene nayo okanye liSebe iWCED, iya kulungiselelwa kuphela ootitshala abasuka kwiindawo ezisemaphandleni.

8. Apho kunokwenzeka, iindleko zeehambo ukuya nokubuya kwindawo yoqeqesho ziya kuhlawulwa liSebe iWCED, ngokuxhomekeka ekubeni ootitshala kuloo dolophu okanye kweso sikolo sinye bayakhwelisana.

9. Ootitshala banoxanduva lokuhlawula iindleko zeencwadi nezibonelelo zokufunda zabo, apho kunokwenzeka.

10. Ootitshala abanqwela ukuthathelwa ingqalelo malunga nale khosi kunye nebhasari kucelwa bazalise iziHlomelo B no-C eziqhotyoshelweyo baze bazingenise kule dilesi ilandelayo engadlulanga uLwesithathu we- 31 Oktobha 2011:

  Head: Education
For attention: Mr G de Bruyn/Ms JC Titus
Directorate: Cape Teaching and Leadership Institute
Western Cape Education Department
Private Bag X14
KUILS RIVER
7579

11. Izicelo zinokuziswa ngesandla zize zifakwe kwibhokisi yeplanga ebhalwe "Teacher Development" kumgangatho osekungeneni (ground floor) kwi-Performing Arts Building, ejongene neCape Teaching & Leadership Institute's Administration Building e-Old Nooiensfontein Road, Kuils River.

12. Iifom zokwenza izicelo nezemvumelwano ziqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane. Iikopi zezi fom zikwafumaneka kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo leSebe iWCED kumgangatho wesibini e-Grand Central Towers, Cape Town nakwiCape Teaching and Leadership Institute kumgangatho wokuqala kwi-Performing Arts Building.

13. Makuqatshelwe ukuba

  • izicelo ezingabhalwanga zonke iinkcukacha okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo azisayi kuqwalaselwa yaye
  • akukho zicelo zithunyelwe ngefeksi ziya kwamkelwa.
14. Izicelo ezifike emva komhla obekiweyo wokuvala aziyi kuthathelwa ngqalelo.

15. KUCELWA NIQAPHELE UKUBA:

  • Igama leYunivesithi oyikhethayo (University of Stellenbosch, University of Cape Town okanye University of Western Cape) malibhalwe ngokucacileyo kwifom yokwenza isicelo.
  • Ukufakwa ezindaweni (placements) kuya kuxhomekeka kwizithili zemfundo, umz. indawo esikuyo (geographical area), indlela yokufundisa (mode of delivery) kwiziko lemfundo ephakamileyo (HEI) nenani lezicelo ezifunyenweyo ngesithili semfundo ngasinye ne-HEI, ngokwesiHlomelo A.
  • Iikopi ezingqiniweyo zesatifikethi sematriki sakho, ezamabanga emfundo kunye/okanye esoqeqeshelo ukufundisa, neyesazisi sakho, mazingeniswe nesicelo sakho.
16. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo ize izibeke ngokwezinto ezifuneka kuqala (prioritise), ize emva koko yenze iingcebiso ngokukhutshwa kweebhasari.

17. Iinqununu namasekela-nqununu baya kukhethwa kuqala.

18. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari kwakunye nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

19. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa onke amalungu ekomiti lolawulo lwesikolo sakho ukuze ayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI -JIKELELE: WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2011:10:05

isiHlomelo A: "2012 Bursaries available for Advanced Certificate in Education: School Leadership"  (ubukhulu: 34 KB)
isiHlomelo B: ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA  (ubukhulu: 106 KB)
isiHlomelo C: "Agreement on payment of tuition fees from state funds"  (ubukhulu: 34 KB)