1. |
Amabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa. Ngaphezulu, akwabonisa umsebenzi oqaqambe ngokukodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi. |
2. |
Ngako oko ke, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linebhongo lokuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lephondo lokunikezelwa kwamabhaso akhokelela kuMabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala onyaka we-12. |
3. |
Amahlelo (categories) ala mabhaso ami ngolu hlobo:
|
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASESEKONDARI UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWIZIKOLO ZASEKONDARI UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI IBAKALA R UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA (ABET) (Levels 1- 4 kwiCandelo leGET kuphela) IBHASO LOKUPHUMELELA KWIMFUNDO YEXESHA LONKE LOKUPHILA
|
|
5. |
Iikopi ezingamaphepha zeSikhokelo soKunika iNgcaciso ekukho kuso iifom zokutyumba ziya kufika kuwo onke amaziko eSebe iWCED, nakumaziko e-AET nawamaBakala R abhalisileyo ekuqaleni kwekota yesi-3. |
6. |
Bayacelwa bonke ootitshala ukuba bangenise amagama abatyunjiweyo (iikhrayitheriya nefomathi zikwiSikhokelo soKunika iNgcaciso) kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo. |
7. |
Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bazithumele ezo fom zokutyumba amagama ezizaliswe zonke iinkcukacha kwii-ofisi zezithili zemfundo zabo, ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane nomnye waba baququzeleli bezithili balandelayo:
- Eden & Central Karoo: Mr Eric Magodla, tel. 044 8038358 / 083 508 4933
- Cape Winelands: Mr Alton Koenze, tel. 023 348 4673 / 082 462 8916
- Overberg: Mr Japie Bailey, tel. 028 212 3634 / 083 707 2197
- West Coast: Mr Johannes Mouton, tel. 022 4822737 / 083 289 8437
- Metro South: Ms Karen Dudley, tel. 021 370 2000 / 082 691 6768
- Metro East: Ms Desiree Watson, tel. 021 900 7195 / 078 531 7632
- Metro North: Mr Trevor Adams, tel. 021 938 3016 / 083 653 6815
- Metro Central: Dr Jeffrey Martin, tel. 021 514 6730 / 082 642 7714
|
8. |
Kucelwa nithathele ingqalelo ezi zicatshulwa zilandelayo kwisikhokelo sokutyumba:
"The principal/centre manager of nomination team must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB)/Centre Governing Body (CGB) to discuss the nomination process."
"The staff and the SGB/CGB members of the school/centre must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with particular given criteria."
"Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided."
"District Officials may also nominate in consultation with the school/centre community."
|
9. |
Ngootitshala abahlanu (5) abona baninzi abanokwenza ikomiti yehlelo (category) ngalinye.
|
10. |
Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabaphathi bamaziko babambe intlanganiso yokutyumba amagama ungadlulanga umhla we-20 Julayi 2011. Makugcinwe imizuzu yale ntlanganiso ize ingeniswe kumphathi weze-IMG ukuba iqwalaselwe ngumququzeleli wesithili ochaphazelekayo. |
11. |
Iinqununu nabaphathi bamaziko nabo mabazalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo baze basingenise kumphathi weze-IMG, ungadlulanga umhla we-22 Julayi 2011 ukuba siqwalaselwe ngumququzeleli wesithili ochaphazelekayo. |
12. |
Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwazo zonke iifom zamagama atyunjiweyo ngowe-5 Agasti 2011 [Closing date updated Friday, 29 July 2011] nemazingeniswe kubaququzeleli bezithili. |
14. |
AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo, yimibutho yabasebenzi, nayimibutho yamabhunga olawulo ezikolo nanguMphathiswa weMfundo wePhondo. |
15. |
Ayakhuthazwa onke amalungu angabahlali abangqonge isikolo (school community) ukuba athathe inxaxheba ekutyumbeni abantu abaza kungenela amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke. |
16. |
Kucelwa wazise bonke ootitshala besikolo sakho okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2011:06:20
|
|