UMHLA:   4 & 5 Oktobha 2011
INDAWO: Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road, Kuils River
AMAXESHA: 4 Oktobha : 08:00 - 16:00
5 Oktobha : 08:00 - 14:00
NGOOBANI ABAMELE UKUYA KUYO Ootitshala bamaBakala R - 3

1. ISIMEMO

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) limema ootitshala beMathematika bamaBakala R - 9 ukuba babekho kule nkomfa njengabaza kwenza iinkcazo-ntetho okanye njengabathathi-nxaxheba.


2. INJONGO

Injongo yale nkomfa yemathematika kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngazo imathematika ngempumelelo.


3. INGCACISO ENIKWA ABO BAZA KWENZA IINKCAZO-NTETHO (PRESENTERS)
3.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni izifundo zemathematika, intetho ebhaliweyo ngokufundiswa kwemathematika, okanye abaza kuthatha inxaxheba kumasifundisane wezona ndlela zibhetele zokufundisa imathematika kule nkomfa, mabakhokelwe koku kulandelayo:

  • Isifundo okanye intetho ebhaliweyo, okanye "Ndifundisa njani" mazisusele kwiNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke yeMathematika yamaBakala R - 9.
  • Isifundo kufuneka sifundise umba othile kwisilabhasi yeMathematika kwibakala elithile.
  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kwinkcazo-ntetho.
  • Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
  • Kule nkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whitebaord ne-flipchart stand enephepha.
  • Zonke iiwekhishithi zenkomfa ziya kudityaniswa zize ziprintwe zibe yincwadi. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi zengcaciso eprintiweyo zokongeza, ngaphandle kokuba kufuneka abathathi-nxaxheba basike okanye basonge amaphepha ewekhishithi.
  • Zonke izinto ezibhaliweyo mazitayitshwe zize ziprintwe kwi-laser printer, ukuba kunokwenzeka. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto eziprintiweyo.
3.2 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele kuMnu K Scheepers kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5013/5162 okanye kule dilesi ye-imeyili kscheepe@pgwc.gov.za ungagqithanga owe-24 Isilimela 2011.

4. INGCACISO ENIKWA ABATHATHI-NXAXHEBA
4.1 Kucelwa ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizalisiweyo masithunyelwe kuMnu K Scheepers kule dilesi ye-imeyili kscheepe@pgwc.gov.za okanye kuGaynor Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175 / 5013 / 5162.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-400. Kuya kubhaliswa ngokuthi kuthathwe ofike kuqala kunabanye. Ngako oko ke, qinisekisa ukuba ubhalisa ngokukhawuleza.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo ezenziwa ngabenza iinkcazo-ntetho. Izikolo ezibhalisele le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungadlulanga owe-22 Septemba 2011.

5. AMALUNGISELELO ENKQUBO YENKOMFA

Abathathi-nxaxheba okanye abenza iinkcazo-ntetho abasuka kwizithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120km ngohambo lokuya nokubuya, bangalala ehostele yaseCape Teaching and Leadership Institute (CTLI) ngobusuku bangoMvulo, we-3 Oktobha nangoLwesibini we-4 Oktobha 2011. Indawo yokulala iya kuhlawulwa liSebe. Abathathi-nxaxheba baya kuzihlawulela ngokwabo iindleko zohambo.

6. Kuya kwenziwa iseshoni yengcaciso eyenzelwa bonke abaza kwenza iinkcazo-ntetho abakhethiweyo kwiprogram, eCTLI, Nooiensfontein Road, Kuils River nge-20 Isilimela 2011 ngo-14:00.
7. I-WCED inethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala beMathematika abaya kubakho.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:29

isiHlomelo A: "Presenters form"  (ubukhulu: 25 KB)
isiHlomelo B: "List of Participants"  (ubukhulu: 26 KB)