UMHLA:   6 ne- 7 Oktobha 2011
INDAWO: Cape Teaching and Leadership Institute,
Nooiensfontein Road, Kuils River
AMAXESHA: 6 Oktobha: 08:00 - 17:00
7 Oktobha: 08:00 - 14:00

1. ISIMEMO

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) limema zonke iinqununu ukuba zize kule nkomfa nokuba ngaba ziza kwenza iinkcazo-ntetho okanye njengabathathi-nxaxheba.


2. INJONGO

Injongo yale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zibhetele nangamava malunga nolawulo nobunkokeli kwisikolo esiqhuba kakuhle.


3. INGCACISO ENIKWA ABO BAZA KWENZA IINKCAZO-NTETHO (PRESENTERS)
3.1 Abantu abanomdla wokufunda intetho ebhaliweyo okanye wokuqhuba umasifundisane malunga "nezona ndlela zibhetele zolawulo" kule nkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:

  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kkumasifundisane.
  • Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
  • Kule nkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whitebaord ne-flipchart stand enephepha.
  • Zonke izinto ezibhaliweyo mazitayitshwe zize ziprintwe kwi-laser printer, ukuba kunokwenzeka. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto eziprintiweyo
  • Iseshoni yengcaciso yabo bonke abenza iinkcazo-ntetho abakhethelwe iprogram, iya kuqhubeka ngoLwesine we- 9 Juni 2011.
3.2 Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa nge-6 nange-7 Oktobha 2011, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele kuMnu A. Lamprecht kule nombolo yefeksi 021 900 5013/5175, okanye kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za engadlulanga uLwesibini we- 31 Meyi 2011.

4. INGCACISO ENIKWA ABATHATHI-NXAXHEBA
4.1 Ziyacelwa iinqununu ezinganqweneli kwabelana ngezona ndlela zibhetele zolawulo ezikolweni zazo kodwa zibe zifuna ukubakho kule nkomfa, ukuba ziizalise isiHlomelo B.
4.2 IsiHlomelo B esizaliwe ngokupheleleyo masithunyelwe kuMnu A Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5013/5162 engadlulanga uLwesihlanu, we-29 Julayi 2011.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-300.
4.4 Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo ezenziwa ngabenza iinkcazo-ntetho. Iinqununu ezibhalisele le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa nge-imeyili ungadlulanga owe-16 Septemba 2011.

5. AMALUNGISELELO ENKQUBO YENKOMFA
5.1 Abathathi-nxaxheba abahamba ngaphezu kwe-120km ngohambo lokuya nokubuya, bangalala ehostele yaseCape Teaching and Leadership Institute (CTLI) ngobusuku bangoLwesithathu, we-5 Oktobha nangoLwesine we-6 Oktobha 2011.
5.2 Indawo yokulala iya kuhlawulwa liSebe.
5.3 Iindleko zohambo aziyi kuhlawulwa liSebe.

6. I-WCED inethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava eziya kuzuza lukhulu kuwo zonke iinqununu eziya kubakho kwinkomfa.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:29

isiHlomelo A: "Presenters form"  (ubukhulu: 27 KB)
isiHlomelo B: "Registration form"  (ubukhulu: 31 KB)