UMXHOLO WENKOMFA: |
|
Umntwana ngamnye unako ukufunda |
UMHLA: |
30 Juni ne-1 Julayi 2011 |
INDAWO: |
Cape Teaching and Leadership Institute Nooiensfontein Road, Kuils River |
AMAXESHA: |
30 Juni: 08:00 - 16:00 1 Julayi: 08:00 - 14:00 |
NGOOBANI ABAMELE UKUYA KUYO |
Ootitshala bamaBakala 4 - 9 |
|
1. |
ISIMEMO
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) limema
- iinqununu zezikolo, ootitshala abasenkonzweni nabadla umhlala-phantsi bamaBakala 4 - 9, abacebisi ngezekharityhulam nabameli abasuka kwimibutho engekho phantsi korhulumente namaziko emfundo ephakamileyo (tertiary education) ukuba bafake igalelo ngokufunda intetho ebhaliweyo, ngokwenza iinkcazo-ntetho nemiboniso kule nkomfa ichazwe apha ngentla; kunye
- nootitshala bamaBakala 4 - 9 ukuba bathathe inxaxheba kule nkomfa.
|
2. |
IINJONGO
Iinjongo zale nkomfa kukwabelana ngeembono, ngezona ndlela zokufundisa zibhetele nangamava ngokumalunga nokudalwa kothando lokuthanda ukufunda, iindlela ezahlukeneyo zokufundisa ukufunda, izicwangciso zongenelelo ngoncedo kwabo bafundi banzinyelwa kukufunda nokulawula isikolo esithanda ukufunda
|
3. |
INGCACISO ENIKWA ABO BAZA KWENZA IINKCAZO-NTETHO (PRESENTERS) |
3.1 |
Iintlobo ezahlukeneyo zenkcazo-ntetho ezifunwayo:
|
Iseshoni yeDVD |
|
Ukufundwa kwentetho ebhaliweyo |
|
Isifundo esibonisa okuthile |
|
Imiboniso |
|
Umasifundisane -Imizekelo: |
Ithuba lokufunda isiqingatha seyure. Indlela yokufundisa ulwimi edibanisa iindlela ezahlukeneyo. Ukufunda kwikhompyutha. Ukufunda okuhlanganisa iinkqubo ezininzi. Ukufunda kwikharityhulam. Izithintelo ekufundeni. |
|
3.2 |
Kucelwa abantu abanomdla wokufunda intetho ebhaliweyo, wokwenza isifundo esibonisa okuthile (demonstration lesson) okanye wokuqhuba umasifundisane kule nkomfa, ukuba baqaphele oku kulandelayo:
- Siya kufuna le ngcaciso ilandelayo kuwe:
- Isihloko senkcazo-ntetho yakho
- Inkcazo emfutshane yokuqulethwe yiyo (Eyona inde ibe liphepha elinye)
- Imo yenkcazo-ntetho yakho (jonga kumhlathi 3.1)
- Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mabathathe inxaxheba kwinkcazo-ntetho.
- Ithuba lenkcazo-ntetho: 60 imizuzu. Iingxoxo zamaqela okanye imibuzo mayinikwe imizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
- Kule nkomfa kuya kubakho iitafile nezitulo eziphatheka ngokulula, idatha-projektha, i-ovahedi-projektha, i-whitebaord ne-flipchart stand enephepha.
- Zonke iiwekhishithi zenkomfa ziya kudityaniswa zize ziprintwe zibe yincwadi. Oku kuthetha ukuba akukho mfuneko yokuba abenzi nkcazo-ntetho beze nezinye iikopi zengcaciso eprintiweyo zokongeza, ngaphandle kokuba kufuneka abathathi-nxaxheba basike okanye basonge amaphepha ewekhishithi.
- Zonke izinto ezibhaliweyo mazitayitshwe zize ziprintwe kwi-laser printer, ukuba kunokwenzeka. ISebe iWCED liya kuzidyuplikheyitha izinto eziprintiweyo.
|
3.3 |
Ukuba unomdla wokwenza okuthile kule nkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo uze usibuyisele uze usibuyisele kuNksk M Benn kule nombolo yefeksi: 021 900 5175/5013/5162 okanye kule dilesi ye-imeyili mabenn@pgwc.gov.za ungadlulanga owe-20 Meyi 2011.
|
4. |
INGCACISO ENIKWA ABATHATHI-NXAXHEBA
|
4.1 |
Kucelwa ukuba ootitshala abangathanda ukuya kwinkomfa njengabathathi-nxaxheba bazalise iinkcukacha zabo kuluhlu lwesikolo kwisiHlomelo B.
|
4.2 |
IsiHlomelo B esizalisiweyo masithunyelwe kuNksk M. Benn kule dilesi ye-imeyili mabenn@pgwc.gov.za okanye kuGaynor Matthews kule dilesi ye-imeyili gmatthew@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5175/5013/5162. |
4.3 |
Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-400. Kuya kubhaliswa ngokuthi kuthathwe ofike kuqala kunabanye. Ngako oko ke, qinisekisa ukuba ubhalisa ngokukhawuleza. |
4.4 |
Iprogram yenkomfa iya kubandakanya iseshoni yeengxoxo zamaqela (plenary panel discussion) neeseshoni eziqhubeka ngaxeshanye kwiindawo ezahlukeneyo ezenziwa ngabenza iinkcazo-ntetho. Izikolo ezibhalisele le nkomfa ziya kufumana iinkcukacha zeprogram yenkomfa ungadlulanga owe-15 Juni 2011. |
5. |
AMALUNGISELELO ENKQUBO YENKOMFA
Abathathi-nxaxheba abahamba umgama ongaphezu kwe-120km ngohambo lokuya uphinde ubuye banokulala kwihostele yase-CTLI ngobusuku bangoLwesithathu, we-29 Juni nangoLwesine we-30 Juni 2011. Kucelwa uqaphele ukuba indawo ekuyo le semina imalunga ne-30 km ukusuka e-CTLI..
|
6. |
Kuya kwenziwa iseshoni yengcaciso eyenzelwa bonke abaza kwenza iinkcazo- ntetho abakhethiweyo kwiprogram, eCTLI, Nooiensfontein Road, Kuils River nge- 25 Meyi 2011 ngo-14:00. |
7. |
I-WCED inethemba lokuba le nkomfa iya kuba ngamava abaya kuzuza lukhulu kuwo bonke ootitshala abafundisa ukufunda abaya kubakho. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:04:29
|
|