1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI), isebenzisana noWoolworths, imema zonke iinqununu ukuba zibhalisele le semina ingentla.

2. IZITHETHI NEZIHLOKO
2.1 Penny Vinjevold, iNtloko yeSebe leMfundo
2.2 Morné du Plessis - ISithethi seMbeko
2.3 Sam Ngumeni, Director Human Resources - Woolworths' Business Values
2.4 Desi Gilbert, Head of Stores - Operational Excellence

3. UMHLA NENDAWO

Isemina iya kuqhubeka ngoMvulo we-27 Juni 2011 eSports Science Institute Conference Centre, Boundary Road, Newlands, Cape Town.


4. INGCACISO ENIKWA ABATHATHI-NXAXHEBA
4.1 Ziyacelwa iinqununu ezifuna ukuya kule semina ukuba zizalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
4.2 IsiHlomelo A esizaliwe ngokupheleleyo masibuyiselwe kuMnu A Lamprecht kule dilesi ye-imeyili alamprec@pgwc.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5013/5175 ungadlulanga uLwesihlanu, we-29 Apreli 2011.
4.3 Ubhaliso luya kuvalwa kwakuba kubhaliswe abathathi-nxaxheba bokuqala abayi-200.
4.4 Iprogram yesemina iya kuthunyelwa nge-imeyili kubo bonke abathathi-nxaxheba ababhalisileyo ngoLwesihlanu we-3 Juni 2011.

5. AMALUNGISELELO
5.1 Abathathi-nxaxheba abahamba umgama ongaphezu kwe-120km ngohambo lokuya uphinde ubuye banokulala kwihostele yase-CTLI ngobusuku bangeCawa, ye-26 Juni nangoMvulo we-27 Juni 2011. Kucelwa uqaphele ukuba indawo ekuyo le semina imalunga ne-30 km ukusuka e-CTLI.
5.2 Indawo yokuhlala kwihostele yase-CTLI iya kuhlawulelwa liSebe iWCED.
5.3 Iindleko zehambo aziyi kuhlawulwa liSebe iWCED.

6. ISebe iWCED lilindele ukuba le semina iya kwenza zonke iinqununu eziya kubakho kuyo zizuze amava aya kunceda ekuphuhlisa ulwazi lwazo. Umgangatho ophezulu unxulumaniswa nophawu lukaWoolworths yaye le semina yinxalenye yokuzibophelela kukaWoolworths kwezemfundo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA-MLAWULI JIKELELE WECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2011:03:30

isiHlomelo A: "CTLI Principals’ seminar – Registration form"  (ubukhulu: 14 KB)