IMibuzo: Dr A Siyengo
IFoni: 021 467 2024
IFeksi: 021 425 7445
ISalanthiso: 13/2/11/6/1
20100906-0058
Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOPHANDO LWEZEMFUNDO:  DRS 0002/2010


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLU-NKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAQUQUZELELI BEEMVAVANYO NEEMVIWO, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NEZIZIMELEYO NAKUMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO


 

IIMVAVANYO ZENKQUBO YEMFUNDO ZEBAKALA 9 ZESEBE I-WCED


1. Njengelandela iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leeMviwo neeMvavanyo: 0001/2010, injongo yale ngcaciso imfutshane kukunikhumbuza ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kuqhuba iimvavanyo zonyaka zokuvavanya bonke abafundi beBakala 9 kwiiLwimi nakwiMathematika ngo-Oktobha 2010.
2. Ezi mvavanyo zilungiselelwe ukuqala nge-6 - 19 Oktobha 2010 yaye ziya kuthatha usuku olunye kwisikolo ngasinye. Zonke izikolo zazisiwe ngemihla yokuqhutywa kweemvavanyo zazo ngokusebenzisa ileta ethunyelwe nge-imeyili nange-CEMIS.
3. Makuqatshelwe ukuba kulo nyaka ka-2010, uvavanyo lweBakala 9 luvavanyo olulingwayo (pilot study) oluya kuqhutywa kubo bonke abafundi kwizikolo ezinabafundi aba-5 okanye abangaphezu koko kwiBakala 9. Iimvavanyo zeBakala 9 kwiiLwimi nakwiMathematika ziya kuvavanya ikakhulu iziphumo zokufunda (learning outcomes), kodwa ke ziya kubandakanya kwakhona imisebenzi yamabakala 6, 7 no-8 ngenjongo yokuqinisekisisa umgangatho abaphumelela ngawo abafundi.
4. Ezi mvavanyo zeNkqubo yeMfundo zeBakala 9 zeSebe iWCED (Grade 9 Systemic Tests) mazingabhidaniswa neeMvavanyo zikaZwelonke zaqho ngoNyaka (Annual National Assessments).
5. Sele isetiwe imisebenzi yeemvavanyo waza umgangatho wayo waqinisekiswa ziingcali.
6. Ezi mvavanyo zezohlobo lokujonga ingxaki (are diagnostic in nature) yaye ziya kuqinisekisa ukuba iSebe iWCED licwangcisa yaye linike impendulo echana kanye iingxaki ezijongene nazo izikolo kwezi zifundo. Ngako oko ke ezi mvavanyo aziyi kubanagalelo kwiziphumo zokupasa ekupheleni konyaka (final promotion results) kwabafundi.
7. Ukwenzela ukugcina ukuthembeka kweziphumo, iimvavanyo ziya kuqhutywa zilawulwe ngababoneleli-nkonzo bangaphandle abazimeleyo (independent service providers).
8. Isikolo ngasinye siya kufumana ucazululo (analysis) lwendlela abaqhube ngayo abafundi baso nolwenzelwa ukuba lunike ootitshala nabasebenzi abanika inkxaso ulwazi lokuqonda ukuba baqhuba njani abafundi ngokumalunga nezakhono zabo zolwazi lweelwimi nemathematika nokwenzela ukubanika inkxaso efanelekileyo.
9. ISebe iWCED linombulelo omkhulu kuni ngentsebenziswano nangenkxaso yenu.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:09:14


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22