INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEENKONZO ZOPHANDO: 0001/2010 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE,KUBPHATHI BEZE-IMG, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO |
| IZIPHUMO ZEEMVAVANYO ZOLWAZI LOKUFUNDA NOKUBHALA NOLWAZI LOKUBALA ZEBAKALA 6 NGO-2009 |
1. |
NgoNovemba 2009 abafundi beBakala 6 babhala iimviwo zovavanyo lweSebe iWCED ukwenzela ukuba kujongwe amanqanaba abo oLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala. Nge-18 Februwari 2010, uMphathiswa uGrant wakhupha iziphumo zephondo kumajelo eendaba. |
2. |
Igqityiwe ngoku inkqubo yokuhlela iziphumo ngokwesikolo ngasinye yaye iziphumo ziyafumaneka kwi-CEMIS ukususela nge-23 Februwari 2010. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizijonge iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso zazo zokuphucula iziphumo. Iingxelo zezikolo ziya kubonisa umndilili nereyithi yokupasa yesikolo siphela neyeklasi nganye. |
3. |
Ukuze ufumane iziphumo zesikolo sakho landela esi sikhokelo singezantsi:
- Jongisa ikhesa yakho kule ayithem yemenyu "Assessment". Emva koko yijongise ku-"Grade 6 2009 LitNum Results" uze uklikhe. Kuya kuvela iziphumo;
- Ukuba iziphumo aziveli, umlawuli (administrator) weCEMIS makadlulele kwi-menu bar ngasentla aze akhethe u-"Tools". Jongisa ikhesa ku-"Pop-up Blocker" ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe;
- Icinyiwe ke ngoku i"Pop-up blocker" yaye kuza kwenza i-CEMIS iqale ekuqaleni;
- Wakugqiba konke oku, beka ikhesa kwibhulethi yokuqala ukuze ufikelele kwiziphumo zeBakala 6.
|
4. |
Ziyakhunjuzwa kwakhona izikolo ukuba ziyafumaneka neziphumo zoVavanyo zeBakala 3 zika- 2007 kwi-CEMIS phantsi ko-"Assessment".
|
5. |
Nayiphi na imibuzo emalunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen (ifoni 021 467 2286; idilesi ye-imeyili: rcornelissen@pgwc.gov.za). |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-02-23
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|