1. Umhlathi 3.5.2 wesiHlomelo A seSetyhula 0032/2008 ye-Norms and Standards (N&S) yomhla we-17 Septemba 2009, uyalela izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 ukuba zingenise ezona rikhwizishini zazo ziphambili ze-LTSM (WCED 034) kunye nezezinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo (WCED 026) ungekadluli uLwesihlanu we-23 Apreli 2010.
2. Ziyacetyiswa izikolo ukuba zifake ii-odolo ze-LTSM ubuncinane eziyi-70% yebhajethi yesabelo-mali sazo se-LTSM kwii-odolo zazo eziphambili. Izikolo maziqinisekise ukuba umfundi ngamnye unencwadi yezifundo (textbook) kwisifundo ngasinye okanye kwinkalo yesifundo nganye.
3. Ukongeza kwiincwadi zezifundo, le-LTSM ilandelayo mayifakwe nayo kwakule fom yerikhwizishini WCED 034: iincwadi zelayibrari, iiphowusta, iimephu, iitshathi zodonga, iincwadi zokufundwa ngabafundi eklasini (class readers), iincwadi zokukhangela ingcaciso (reference books), iincwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed works), izichazi-magama (dictionaries) izibonelelo zelayibrari (library resources), ii-pre-recorded audio nee-vidiyo khasethi, ii-DC ne-educational software.
4. Ngokweerekhodi zethu, kusekho izikolo ezimbalwa ezingekazingenisi nangoku ezona rikhwizishini zazo ziphambili zokuthenga i-LTSM nezinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo. Ziza kongezelelwa ke ngoko elinye ixesha lokungenisa iirikhwizishini zazo eziphambili zokuthenga i-LTSM nezinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo de kube nguLwesihlanu we-28 Meyi 2010.
5. Ziyacetyiswa izikolo ukuba zincede nakanjani na zilandele ngqo lo mhla ubekiweyo njengoko ukwenziwa mfutshane kwekota yesibini, ubude beeholide zobusika ngokungaqhelekanga kunye namaxabiso abapapashi-zincwadi onyaka aza kunyuka ukuqalela kowe-1 Julayi 2010, konke oku kuya kubanenxaxheba enkulu kwii-odolo zamva.
6. ISebe iWCED libulela ezo nqununu namabhunga olawulo ezikolo asele ezingenisile iifom zawo u-WCED 034 no-026, kwakunye nokuchaneka kwendlela asabe kakuhle ngayo isabelo-mali sawo ngokwemiMiselo neMigangatho.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-18