1. ISetyhula 0032/2009 yanika isikhokelo sokuthengwa kweempahla neenkonzo kwaye ngoSeptemba 2009 wawazisiwe ngesabelo-mali sesikolo sakho sonyaka-mali ka-2010/11.
2. Le ngcaciso imfutshane isebenza njengesikhumbuzo sokuba ifom u-WCED 032 ezaliswe zonke iinkcukacha, eyeyentsusa (original) nesayiniweyo, mayingeniswe kwaNdlunkulu weSebe leMfundo kule dilesi ilandelayo phambi koLwesihlanu, we-26 Februwari 2010:

Head: Education
For attention: Ms L Bredenkamp
Directorate: Operational Support Unit
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000


OKANYE iziswe ngesandla kwenye yezi dilesi zilandelayo:

Room 3018, 3rd Floor (Ms L Bredenkamp)
9 Atterbury House
cor. Lower Burg and Riebeeck Streets
Cape Town

OKANYE

Block BF006 (Nksz Phillips)
Metro East Education District Office
cor. Newnooiensfontein and Belhar Roads
Kuilsriver

3. Eyona njongo ephambili yesabelo-mali ngokwe-N&S yeyokuba kuthengwe iincwadi nezinto zokuncedisa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)), izinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo, iinkonzo zikamasipala, izinto ezibalulekileyo ezisetyenziswa imihla ngemihla ekulondolozeni izakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zokusebenza kunye nenye inkcitho yemihla ngemihla.

Kucetyiswa ukuba izikolo zisahlule isabelo-mali sazo ezisifumanayo ngolu hlobo lulandelayo ngokwamahlelo enkcitho ahluka-hlukeneyo:

  • I-50% isetyenziselwe ii-odolo ze-LTSM zika-2010. Ngamnye umfundi makabe nencwadi yezifundo (textbook) kwinkalo yesifundo nganye;
  • I-24% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala. Izikolo zingabhajethela ipesenteji engaphezu koku ukuba iimeko zenkcitho zinyanzelisa oku;
  • I-6% ibe yeyolondolozo;
  • I-20% ibe yeyezinto ezithengwa kuloo ndawo inesikolo.
4. Ukuba kuye kwakho ukutenxa kwindlela esisetyenziswe ngayo isabelo-mali ngokwemiMiselo neMigangatho (N&S), kucelwa uqisisekise ukuba uyabhala unike izizathu ezixhasayo zokuba ungayisebenzisi ipesenteji ephawulelwe i-LTSM (50%) nokuba ezo zizathu kufuneka zingqinwe nguMphathi weze-IMG noSihlalo weBhunga loLawulo.
5. Ezi fom WCED 032 mazizaliswe ngenyameko enkulu kuba akuyi kuvunyelwa ukutshintshaniswa kwemali eyabelwe imisebenzi ethile liCandelo le-Operational Support Unit.
6. Iifom u-WCED 026 no-WCED 034 zokwenza ii-odolo zokuthenga ezona zinto ziphambili (for main orders) mazingeniswe kwi-ofisi yee-odolo ungadlulanga uLwesihlanu we-23 Apreli 2010 emva kokuba kunikwe imvume yebhajethi yakho kwifom WCED 032 liCandelo le-Operational Support Unit. Kufuneka izikolo zifake ii-odolo ze-LTSM zisebenzise ubuncinane i-70% yesabelo-mali sazo esabelwe iLTSM kwi-odolo yokuthenga ezona zinto ziphambili.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ekhawulezileyo ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:02:12