1. Ukufakwa kweedatha yokupasa kwabafundi kwi-CEMIS kuya kuba nokwenziwa ukususela ngoMvulo we-15 Novemba 2010

2. Le nkqubo iya kufana naleyo yonyaka ophelileyo ka-2009.

3. Kucelwa uqinisekise ukuba kuphela ngabafundi ababhaliswe esikolweni njengangoku nabaya kufumana iziphumo zokupasa zokugqibela (final promotion result) esikolweni abavelayo kwiCEMIS.
3.1 Nawuphi na umfundi omkileyo esikolweni waya kwesinye isikolo makakhutshwe kwiCEMIS.
3.2 Nawuphi na umfundi oye kwelinye iphondo okanye ilizwe makakhutshwe kwiCEMIS.
3.3 Nawuphi na umfundi okhoyo esikolweni sakho kodwa engekho kwiCEMIS, makafakwe kwiCEMIS ukuze avele njengomfundi okhoyo njengangoku esikolweni sakho.
3.4 Konke ukutshekishwa nokulungiswa (checking and correcting) kweenkcukacha zabafundi esikolweni kufuneka kugqitywe ukwenziwa ngoLwesihlanu we-12 Novemba 2010 njengoko kungenako ukwenziwa ukukhutshwa okanye ukubhaliswa kwiCEMIS yakubanje iCEMIS itshintshela kwi-promotions mode ngoMvulo we-15 Novemba 2010.

4. Ukufakwa kweenkcukacha zokupasa (promotion results) ekhompyutheni
4.1 Ikhesa (cursor) mayijonge ku-Promotions 2010 uze uklikhe ku-Promotion summary.
4.2 Klikha kwi-hyperlinked number of learners in grade (blue) ofuna ukufaka kuyo idatha yee-promotion results. Kuya kuvela uluhlu lwamagama abafundi bebakala elo.
4.3 Ungakhetha iqela leklasi (class group) kwibakala, ukuba ufuna ukufaka ii-promotion results zabafundi ngeklasi nganye. Kukho i-class selector kumntla wesikrini
4.4 Kukho amanyathelo amathathu okunika (allocating) ii-promotion results kumfundi okanye kwiqela labafundi.
4.4.1 Tshekisha umfundi (Klikha kwi-tick box ecaleni kwegama lomfundi). Iqhosha -Check all, ngentla kwamanani, likuvumela ukuba utshekishe bonke abafundi ngaxeshanye. Iqhosha u-Uncheck all lisusa iithikhi kumagama abafundi.
4.4.2 Khetha i-promotion result esebenzayo kubafundi abatshekishwayo (abakhethiweyo) (checked (selected) learners). Ezi ndidi zinokukhethwa zezi:Ready to Progress (RP), Not ready to progress (NRP) kumaBakala 1 - 8 lo gama kuya kuvela u-Promoted (P), okanye u-Not Promoted (NP), kubafundi bamaBakala 9 - 11.
4.4.3 Klikha ku-Submit button.
4.5 Itheyibhile ipromotion summary table iya kubonisa ukuba ngaba ipromotion status inikwe bonke abafundi kusini na. Inani labafundi ekusafuneka lifumene ipromotion status liya kuboniswa ngenombolo eblowu kwikholam engasekhohlo. Xa ikholam engasekhohlo ino-0 (uziro) kwibakala ngalinye, oku kuthetha ukuba bonke abafundi banikwe i-promotion result.
4.6 Abafundi abazii-borderline cases makwaziswe ngabo uMphathi weze-IMG, banokufakwa ngokunjalo phambi kokuba inqununu idibane noMcebisi ngeze-IMG. Iinqununu ziya kubanako ukufaka iinkcukacha ezibalulekileyo ngomfundi nezithanda ukuba ziqwalaselwe nguMphathi weze-IMG xa esenza isigqibo ngepromotion result yomfundi. UMphathi weze-IMG uya kunika/kufaka ipromotion status kubafundi abazii-borderline cases.
4.7 Abafundi bebakala ipre-grade R neBakala R kwiCEMIS baya kupasa bonke (be promoted automatically) baye kwibakala elilandelayo. Isikolo masibonise ukuba ngabaphi na abafundi amabaphinde ibakala ngokukhetha abafundi nokutshintsha i-promotion status ibe ngu-NRP.
4.8 Inqununu mayiyilawule le nkqubo ngohlobo oluya kuqinisekisa ukuba i-promotion result efakiweyo kwiCEMIS kumfundi ngamnye ingqinelana twatse ne-promotion result evela kwishedyuli yesikolo i-school promotion schedule. Ukufakwa kwepromotion result makwenziwe ngocoselelo nangokuchanekileyo. Inqununu mayibenako ukubonisa uMphathi weze-IMG ukuba iishedyuli iischool promotion schedules kwibakala ngalinye ziyangqinelana neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules.

5. I-CEMIS promotion schedule
5.1 Emva kokugqitywa kwee-promotion results zabo bonke abafundi kwibakala kwaza kwatshekishwa ukuchaneka kwazo, kungaprintwa ishedyuli yokugqibela iCEMIS promotion schedule.
5.2 Le shedyuli mayinikwe uMphathi weze-IMG kunye neshedyuli yesikolo yokupasa kwabafundi ischool promotion schedule. Inqununu mayibenako ukubonisa uMphathi weze-IMG ukuba iishedyuli zesikolo neeshedyuli iiCEMIS promotion schedules ziyangqinelana.
5.3 Makungqinwe ukuba abafundi abakwi-NRP okanye kwi-NP kwishedyuli yesikolo bayangqinelana namagama akwishedyuli kwiCEMIS yaye bane-promotion status efanayo.
5.4 Ukuba kukho naluphi na utshintsho kwishedyuli ischool promotion schedule (le yeyona shedyuli engundoqo (master schedule), ngosuku lokudibana koMcebisi ngeze-IMG nenqununu ukuba bagqibe wonke umsebenzi baze basayine (finalise and sign off) iischool promotion and progressions, malwenziwe olo utshintsho kwangokunjalo nakwiprogram yekhompyutha i-online CEMIS promotions program.
5.5 Inqununu noMphathi weze-IMG mabasayine bobabini iishedyuli ezingqina ukuchaneka kwamaxwebhu baze ke ngaloo ndlela bawenze la maxwebhu iirekhodi ezisemthethweni zamabakala ne-promotion status yomfundi ngamnye.
5.6 UMphathi weze-IMG uya kuthi emva koko avale ukusebenza kwe-promotin function kwiCEMIS kweso sikolo. Njengokuba ukuvala ukusebenza kwe-promotin function kunokwenziwa ngebakala ngalinye, ischool's complete set of promotions ziya kuvalwa zingasebenzi kuphela xa onke amabakala evaliwe. Isistim ikuvumela ukuvalwa kuphela xa ngaba bonke abafundi bebakala ngalinye befumene ipromotion status.

6. I-promotion results ze-i-SAMS school learners ziya kufakwa kwiCEMISprogrammatically . Isikolo sinokuprinta ishedyuli iCEMIS promotin schedule emva kokuba iziphumo zokupasa kwabafundi (promotions) zifakwe kwi-i-SAMS.

7. Ukuba ufuna uncedo okanye ukubuza imibuzo, ungaqhagamshelana noMphathi weze-IMG okanye umlawuli weCEMIS kwisithili semfundo sakho okanye kwaNdlunkulu. Iinombolo zefoni ziyafumaneka kwiCEMIS under the administration function.

8. Abakulawulo lweCEMIS babulela izikolo ngokusebenza kwabo nzima nangentsebenziswano yabo kulo nyaka udlulileyo kwaye banqwenelela izikolo impumelelo kwiimviwo nakulawulo lwemicimbi yokuphetha unyaka.

9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:11