1. Ishedyuli yeentlanganiso zeKomiti yeNgcaciso yeThekhinoloji yeSebe iWCED (WCED's Departmental Information Technology Committee (DITCOM) yonyaka-mali ka-2010 - 11 imi ngolu hlobo lulandelayo:

UMHLA
WENTLANGANISO
IXESHA UMHLA WOKUVALA UKUNGENISWA
KWEZICELO
28 APRELI 2010 09:00 - 12:00 19 APRELI 2010
26 MEYI 2010 09:00 - 12:00 17 MEYI 2010
30 JUNI 2010 09:00 - 12:00 21 JUNI 2010
28 JULAYI 2010 09:00 - 12:00 19 JULAYI 2010
25 AGASTI 2010 09:00 - 12:00 16 AGASTI 2010
29 SEPTEMBA 2010 09:00 - 12:00 20 SEPTEMBA 2010
27 OKTOBHA 2010 09:00 - 12:00 18 OKTOBHA 2010
24 NOVEMBA 2010 09:00 - 12:00 15 NOVEMBA 2010
26 JANUWARI 2011 09:00 - 12:00 17 JANUWARI 2011
23 FEBRUWARI 2011 09:00 - 12:00 14 FEBRUWARI 2011
30 MATSHI 2011 09:00 - 12:00 22 MATSHI 2011

2. Xa kukho imfuneko, ifom yesicelo ezalisiweyo yeDITCOM (amaCandelo B - F), ehamba kunye nezizathu ezibhaliweyo nezizeleyo zokuxhasa isicelo mayingeniswe kunobhala weDITCOM zingadlulanga iintsuku ezisi-7 phambi kokuba iqhubeke intlanganiso yeDITCOM echaphazelekayo. Ukongeza, makusiwe isicelo esisayiniweyo sentsusa kwiGumbi le-19 eGolden Acre Building (kule nombolo yefoni 2380).
3. KwiCandelo B lefom yesicelo, kucelwa ucacise gca inkonzo, ihardware, okanye isoftware ecelwayo, unike igama elipheleleyo, inombolo yePesali okanye inombolo yesithuba somntu oya kuba esebenzisa inkonzo okanye isixhobo eso (iinkonzo okanye izixhobo ezo). Apho kwenziwe isicelo kwisithuba esingenamntu, kucelwa uqhoboshele ubungqina obubhaliweyo bokuqeshwa komntu kuloo ndawo. Isigqibo seDITCOM sixhomekeke kwizizathu ezibhaliweyo ezinikiweyo zokuxhasa isicelo (ungakuqhoboshela oku njengesihlomelo). Malunga namaxabiso oku kucelwayo, kucelwa uqhagamshelane noGeorge Groepies kule nombolo yefoni 2897.
4. AmaCandelo E noF efom yesicelo makazaliswe aze asayinwe lilungu elichaphazelekayo lenkonzo yabaphathi abakhulu (senior management service) (SMS), njengoko kubhaliweyo kwifom yesicelo. Igosa elisebenza kwinqanaba lesikhundla sabaphathi leSMS malifake ikopi yeleta yalo yokuqeshwa.
5. I-DITCOM yenze iinguqu kwifom yesicelo kwaye yifom entsha kuphela, eyanikwa onke amagosa eSebe iWCED, eya kwamkelwa. (Funda isiHlomelo A.) Kucelwa ufunde amanqakwana kwikhasi lokugqibela lefom yeDITCOM ukuqinisekisa ukuba uyazithobela zonke iimfuno ezingummiselo. Iifom zesicelo ezingafakwanga zonke iinkcukacha ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo.
6. Inkqubo yeDITCOM, ecacisa ngemisebenzi noxanduva lwamagosa ngamagosa achaphazelekayo, iqhotyoshelwe njengesiHlomelo B.
7. Ukuphepha ukubhideka malunga nezicelo zenkonzo ye-ICT kunye neefom zezicelo ezichaphazelekayo, kwenziwe isikhokelo saza saqhotyoshelwa njengesiHlomelo C.
8. Imvume yeDITCOM eyenziwa ngexesha lokulungiselela imeko ethile (ad hoc DITCOM approval) iya kunikwa ngokwengqiqo kasihlalo weDITCOM, ngokususela ekungxamisekeni komba.


ISAYINWE: NGU-M HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-21

isiHlomelo A: "DITCOM Application Form" (pdf ubukhulu: 20 KB)  /  "MS Word format version" (.doc ubukhulu: 50 KB)
isiHlomelo B: "DITCOM Application Process" (pdf ubukhulu: 107 KB)
isiHlomelo C: "ICT Service Requests" (pdf ubukhulu: 23 KB)
isiHlomelo D: "Change Control Form" (pdf ubukhulu: 28 KB)  /  "MS Word format version" (.doc ubukhulu: 58 KB)
isiHlomelo D1: "Example of Cange Control Form" (pdf ubukhulu: 32 KB)
isiHlomelo E: "EduInfoSearch User Rights Form" (pdf ubukhulu: 39 KB) / "MS Word format version" (.doc ubukhulu: 125 KB)