INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO: 0002/2010 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, NAKWIINTLOKO ZAMACANDELO KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO |
| UKUQALISA KOKUSETYENZISWA KWE-eMOBILITY DATA CARDS KWISEBE IWCED |
1. |
Isithintelo esasibekiwe sokuthintela ukuqaliswa kokusetyenziswa kwe-eMobility kwiSebe iWCED siyekisiwe yiNtloko yeSebe emva kokuba kuvunywe umgaqo-nkqubo osayilwayo we-PGWC's eMobility data card, saze savunywa ngaBaphathi aBakhulu bePhondo (Funda isiHlomelo E) (Provincial Top Managers) (Funda isiHlomelo E). Ukuqalela kowe-1 Apreli 2010, izicelo zingangeniswa kwiKomiti yeNgcaciso yeThekhinoloji yeSebe (Departmental Information Technology Committee) (DITCOM) ukwenzela ukuba kufumaneke i-eMobility data cards. |
2. |
Izicelo zamakhadi edatha eziya kwiDITCOM ezazisamisiwe ukususela nge-25 Novemba 2008, ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo ukungqina ukuba zisaza kuqhubeka zisebenze ngokusemthethweni (to confirm the validity of the applications). Izicelo ezisaza kusebenza ngokusemthethweni ziya kuqwalaselelwa ukuba zivunywe kusetyenziswa amalungiselelo awodwa eDITCOM. Abenzi-sicelo kuya kufuneka kwakhona bazalise ifom yesicelo eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo A baze bayingenise. |
3. |
Izicelo ezitsha zamakhadi edatha mazingeniswe nazo ngefom yesicelo eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo A. Ukongeza, ezi zicelo zitsha kufuneka kwakhona zihambe nefom yesicelo yeDITCOM ezalisiweyo eqhelekileyo, ehamba nengxelo ebhaliweyo esixhasayo enika izizathu zomenzi-sicelo zokuba afune esi sixhobo. Iinkqubo ze-eMobility nesikhokelo zichaziwe ngokunabileyo kwisiHlomelo C esiqhotyoshelweyo, kwaye zimele ukubakhokela abaphathi abakhulu malunga nokufaneleka kwabenzi-sicelo.
|
4. |
Amagosa afuna ukungena kumaziko ewebhu eSebe angafumanekiyo kuluntu, anjenge-EduInfoSearch, kuya kufuneka azalise ifom eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo B aze ayingenise.
|
5. |
Ngasinye isixhotyana sekhadi ledatha siya kuxabisa i-R96 (xa kufakwe iVAT). Iindleko ziya kuhlawulwa yi-PGWC de kubuye kukhutshwe esinye isaziso. |
6. |
Amalungu enkonzo yabaphathi abakhulu (senior management service) (SMS) members) aya kunikwa i-500MB data cap baze abangengawo amalungu e-SMS banikwe i-350MB cap. (Kucelwa ungazihoyi ezinye izinto onokukhetha kuzo ezibhalwe kwifom yesicelo.) Ukuba igosa lifuna idata cap itshintshwe, kuya kufuneka ukuba lizalise ifom yesicelo eqhotyoshelweyo njengesiHlomelo D lize liyingenise.
|
7. |
Ukuba kwenzekile ukuba ufune naluphi na uncedo, kucelwa uqhagamshelane neCe-I Call Centre kule nombolo yefoni 021 483 4800 okanye neGosa le-eMobility, uMakabongwe Siziba, kule nombolo yefoni 021 467 2380 okanye apha msiziba@pgwc.gov.za |
9. |
Kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe la maxwebhu alandelayo:
- ANNEXURE A - Data Card Application Form, as per RIC Act requirements (to be attached to the DITCOM application)
- ANNEXURE B - VPNC Services Application Form (for access to non-public sites, such as EduInfoSearch)
- ANNEXURE C - eMobility Procedures and Guidelines
- ANNEXURE D - Change Control Form (for changing the data cap of the eMobility user)
- ANNEXURE E - PGWC eMobility Data Card Policy
- ANNEXURE F - MTN eMobility Setup Guide
|
ISAYINWE: NGU-M HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-11
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|