1. Ukungqinelana nalo Mthetho ukhankanywe apha ngasentla, kufuneka luhlaziywe qho uluhlu lwamagosa ekudluliselwe kuwo amagunya achaphazelekayo. Ngako oko ke, okuqhotyoshelwe apha, ngenjongo yokukwazisa, luluhlu oluhlaziywe ngokutsha lwamagama amagosa ezicelo zengcaciso amakhulu ngokwecandelo eliyintloko ngalinye, namagosa ezicelo zengcaciso ngokwecandelo ngalinye kwakunye namasekela-magosa ezicelo zengcaciso eSebe iWCED.
2. Eyona misebenzi ephambili yala magosa akhankanywe apha ngasentla, ichazwe kuxwebhu oluqhotyoshelweyo isiHlomelo B.
3. Ayacelwa onke amagosa eSebe iWCED ukuba anike intsebenziswano yawo epheleleyo kula magosa ukwenzela ukuba izicelo zokwazi ukufikelela kwingcaciso zisingathwe ngokukhawuleza.
4. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010-05-05

Isihlomelo A: "WCED Deputy Information Officers, Senior Request Officers & Request Officer"  (ubukhulu: 24 KB)
Isihlomelo B1: "Primary functions of WCED Senior Request Officers and Request Officers"  (ubukhulu: 22 KB)
Isihlomelo B2: "Steps for the handling of requests for access to information in terms of the access to Information Act, 2000
(ACT 2/2000) (PAIA)
"  (ubukhulu: 18 KB)
"PAIA Brochure"  (ubukhulu: 551 KB)