1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenza iprojekthi eyodwa yokubonelela ngencwadi yokufunda (textbook) umfundi ngamnye weeSayensi zoBomi kwiBakala 12 ngo-2011.
2. Le projekthi inika inkxaso ukuqaliswa kokufundiswa kwekhontenti entsha yesifundo seeSayensi zoBomi kwiBakala 12 ngo-2011, yaye, ngakumbi, ukufunda nokufundisa ngendlela eyiyo iiSayensi zoBomi.
3. Kusebenza apha iSetyhula 0005/2008, yomhla we-13.12.2008, necacisa ikhontenti entsha yesifundo seeSayensi zoBomi, njengoko zifakwe kuluhlu kwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke yamaBakala 10 - 12 (IZifundo ngokuBanzi).
4. Iincwadi zokufunda zeeSayensi zoBomi zeBakala 12, ezifakwe kuluhlu lwesishwankathelo seeKhathalogu zeeNcwadi zokuFunda zeBakala 10 - 12 zikaZwelonke (iSihlomelo A), ziye zahlaziywa ngabapapashi zaza zaskrinwa liSebe leMfundo elisiSiseko likazwelonke.
5. Iincwadi zokufunda zeeSayensi zoBomi zeBakala 12 mazikhethwe kwakwezo zintlu sezipapashiwe nesele isikolo sizi-odolele abafundi baso beeSayensi zoBomi beBakala 10 nabeBakala 11 ngo-2008 nango-2009 ngokulandelelanayo.
6. Ifom yerikhwizishini, isiHlomelo A, ifuna ukuba isikolo sibonise incwadi yokufunda yaso yeeSayensi zoBomi yeBakala 12 esiyikhethileyo kunye nenani labafundi beBakala 12 abaya kuba besenza iiSayensi zoBomi ngo-2011, size emva koko sikhethe umthengisi-ncwadi, iSebe iWCED eliya kungena kwimvumelwano naye ukuba asizisele iincwadi.
7. Iifom zerikhwizishini mazisayinwe yinqununu zifakwe isitampu sesikolo saseburhulumenteni.
8. Iifom zeerikhwizishini mazingeniswe ngesandla okanye ngeposi engadlulanga uLwesihlanu, we-13 Agasti 2010 kule dilesi ilandelayo:

  Grade 12 Life Sciences Special Project
For attention: Ms J Maliqua
Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road / Private Bag X14
Kuils River
7580

Ifoni 021 900 5011/28

9. Zakubanje iincwadi zizisiwe, mazibhalwe kwi-inventri yesikolo zinikwe abafundi ngomhla wokuqala wesikolo ka-2011. Abafundi mabanikwe umyalelo wokuba bazinyamekele njani na iincwadi yaye makumiselwe inkqubo yokubuyiswa kweencwadi ngabafundi ekupheleni konyaka. Kuya kufuneka amagosa eSebe iWCED abeke esweni ukuphunyezwa kwale miqathango xa etyelela izikolo.
10. ISebe iWCED linovuyo ukuba libe nokubonelela ngezi ncwadi zokufunda ezikolweni kwaye linethemba lokuba ziya kusetyenziswa kakuhle ukuqhubela phambili ukufunda nokufundisa iiSayensi zoBomi.


ISAYINWE: NGU-MM HARKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:11

"Annexure A: Requisition for grade 12 Life Sciences textbooks"  (ubukhulu: 24 KB)