1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukukhumbuza zonke izikolo eziphantsi kweSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba onke amagama abafundi ababhalisiweyo makahlaziywe kwiCEMIS engadlulanga u-16:00 nge-26 Januwari 2010, kwaye idatha yabafundi ababhalisiweyo mayihlaziywe kwiCEMIS engadlulanga u-16:00 nge-2 Matshi 2010. Oku kulandelayo luluhlu lwedatha yabafundi ababhalisiweyo emayifakwe ungadlulanga owe-2 Matshi 2010:
1.1 Idatha engeenkcukacha zabo buqu (personal data)
1.2 Izifundo ezifundwa ngabo
1.3 Ulwimi lokufunda nokufundisa (iilwimi zokufunda nokufundisa)

2. Le miba ilandelayo nayo ikwabalulekile kwaye mayiqatshelwe ngokumalunga nomhla omiselweyo we-26 Januwari 2010
2.1 Bonke abafundi ababhalisiweyo mabanikwe iiklasi.
2.2 Bonke abafundi ababhalisiweyo mabafakwe kumabakala afanelekileyo.
2.3 Bonke abafundi abemkileyo ukuya kufunda kwezinye izikolo abamagama abo asafakwe kuluhlu lweCEMIS phantsi kwegama lesikolo eso, mabakhutshwe kuluhlu (be transferred).
2.4 Onke amagama abafundi abemkileyo esikolweni yaye bengafundi kwezinye izikolo, kodwa abasafakwe kuluhlu lweCEMIS phantsi kwegama lesikolo eso, mabacinywe kwirejista.

3. Le datha ilapha ngentla ibalulekile ngenxa yezi zizathu zilandelayo:
3.1 Kuya kubakho iindibano zothetha-thethwano (consultations) nemibutho yabasebenzi emelweyo kwiBhunga lePhondo looTitshala lezoBudlelwane eMisebenzini (Provincial Educator Labour Relations Council (PELRC)), kwakunye neMibutho yamaBhunga oLawulo eZikolo (School Governing Body Associations), phakathi ku-Agasti 2010.
3.2 Inani lezithuba zootitshala elabelwe isikolo (i-ESE yesikolo), liya kuthunyelwa esikolweni ekuqaleni kukaSeptemba 2010;
3.3 Ii-ESE zenza ukuba izikolo zikwazi ukuqukumbela izicwangciso zazo zika-2011 kwangoko kangangoko kunokwenzeka ngo-2010.
3.4 Idatha ekwisistim ngo-16:00 nge-2 Matshi 2010, iya kuba yidatha eya kungqininiswa liSebe iWCED. Le iya kuba yidatha kwakhona eya kusetyenziswa ukubala i-ESE yesikolo ka-2011.

4. Ngo-2009 iSebe liye lazibamba alazikhupha ii-ESE zezikolo ezimbalwa kuba ingcaciso eyanikwa zezo zikolo kwi-CEMIS yayingachanekanga, kwaza oko kwabangela ukuba kuncitshiswe inani lootitshala elalabelwe ezo zikolo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba ziwacime okanye ziwakhuphe amagama abafundi phambi kwe-26 Januwari 2010. Ukuba amagama aba bafundi akhutshwa okanye acinywa emva kwe-2 Matshi 2010, endaweni yaphambi koku, abo bafundi abayi kufakwa xa kubalwa i-ESE yesikolo.
5. Ukuba izikolo zifumana iingxaki kwezoqhagamselwano (connectivity) kunye/okanye ezinye iingxaki ezinxulumene noku yaye ke azinako ukuhlaziya idatha yazo kwi-CEMIS, ziyakhuthazwa ukuba zicele ukudibana nabeCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi kwaNdlunkulu ukwenzela ukuba zisebenzise izibonelelo zabo.
6. Ukuba isikolo sifumana ingxaki ekuhlaziyeni idatha yaso yabafundi kwi-CEMIS, kufuneka inqununu yazise iCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi ngencwadi ebhaliweyo phambi ko-12:00 nge-2 Matshi 2010 isebenzise ezi nkcukacha zoqhagamshelwano zilandelayo:

avmalgas@pgwc.gov.za  okanye  addposts@pgwc.gov.za,

okanye ithumele ifeksi apha 021 467 9384.

Xa sithumela ingxelo, isikolo masibhale sichaze ukuba yintoni na ingxaki, ithuba esibe nengxaki ngalo, senze ntoni na isikolo ukusombulula ingxaki leyo kwaye yintoni isikolo esicinga ukuba iCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi linokusinceda ngayo ukusombulula ingxaki yaso. Isikolo kufuneka kwakhona sazise i-ofisi yesithili semfundo esiphantsi kwayo, kunye necandelo le-EMIS leCandelo loLawulo lweNgcaciso kwaNdlunkulu we-WCED.
7. Phambi kwe-17 Septemba 2010 isikolo siya kuba nalo ilungelo lokufaka imibuzo sifune ukuqonda ukuba ibalwe njani na iESE yaso ka-2011. Nangona kunjalo, oku kuya kuqwalaselwe kuphela xa idatha yesikolo yayihlaziyiwe ngentsimbi ye-16:00 ngomhla we-2 Matshi 2010, njengoko kucelwe ngolo hlobo.
8. Makuqatshelwe ukuba idatha yesikolo yabafundi yomhla we-26 Januwari 2010 iya kusetyenziswa xa izikolo zifaka izicelo zokongezelelwa izithuba ngo-2010. Ziyacelwa izikolo ukuba zifundisise iSetyhula 0031/2009 neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso lwezaBasebenzi 0008/2009 ngocoselelo phambi kokufaka izicelo zokongezelelwa izithuba ngo-2010. Ukukulungiselela, kuqhotyoshelwe apha imizekelo yezihlomelo (exemplars of the annexures) emazingeniswe nesicelo sokongezelelwa izithuba ngo-2010. Uyakhunjuzwa ukuba izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo mazingenise izicelo zazo zokongezelelwa izithuba ngo-2010 phambi kokuba iCEMIS ivale nge-15:00 ngo-Lwesihlanu, we-5 Februwari 2010.
9. Yinjongo yeSebe iWCED ukukhupha ii-ESE zazo zonke ezikolo zikarhulumente ngoLwesine we-9 Septemba 2010 kwiintlanganiso zeenqunu eziqhutywa ngaBaphathi beeKomiti zeeSekethe kwiphondo liphela. Izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ziya kuba nelungelo lokwenza isicelo sokongezelelwa izithuba ukususela nge-4 Oktobha 2010 de kube ngowe-15 Oktobha 2010, kwaye zonke ezi zicelo ziya kusingathwa ngoLwesibini, we-30 Novemba 2010.
10. Kucelwa wazise ingcaciso ekule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala nabasebenzi namalungu amabhunga olawulo ezikolo ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:01:12


CEMIS information document  (ubukhulu: 304 KB)

Annexure A  (ubukhulu: 12 KB)    (or MS Excel spreadsheet version  - size: 44 KB)
Annexure B  (ubukhulu: 11 KB)    (or MS Excel spreadsheet version  - size: 31 KB)
Annexure C  (ubukhulu: 29 KB)    (or MS Excel spreadsheet version  - size: 40 KB)
Annexure D  (ubukhulu: 22 KB)    (or MS Excel spreadsheet version  - size: 27 KB)