1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liza kutyala isixa-mali esiyi-R101 yezigidi kwiincwadi zezifundo, kwiincwadi zokufunda nakwezinye izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) ngethuba lonyaka-mali ka-2010/11. Esi sixa-mali asidibanisi inkcitho eyenziwa zizikolo kwiLTSM ngesabelo-mali esikhutshwa ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali, sona siyinxalenye yemali ebonisa ukuzimisela kweWCED ukuqinisekisa ukuba izikolo zinazo zonke iincwadi nezinye izibonelelo zokuxhasa ukufunda nokufundisa.
2. ISebe iWCED liya kuqhubeka nokutyala iimali ezinkulu kwiLTSM, kodwa lingathanda ukuzandisa iindidi zeencwadi ezinokuthengwa ngale mali. Eneneni singanako ukukwenza oku kuphela xa izikolo ziziqokelela iincwadi zezifundo kubafundi ekupheleni konyaka ngamnye, oko ke kuya kwenza kubekho imali yokuthenga ezinye iindidi zeencwadi.
3. Lo gama izikolo ezininzi sele zineenkqubo zazo zokuqokelela iincwadi kubafundi (textbook retrieval systems), sinolwazi lokuba ezinye azinazo. ISebe iWCED ke ngoko liqalise iphulo lokwazisa uluntu kwiphondo liphela elinjongo yalo ikukukhuthaza abafundi nabazali ukuba bazibuyisele ezikolweni zethu iincwadi zezifundo ekupheleni konyaka ngamnye.
4. Siya kuba sihambisa amaphetshana (leaflets) neephowusta kwiingqingi ezikhethiweyo size sifake nemizekelo ukukunika ingcaciso. Ukuba ufuna iikopi eziprintiweyo, kucelwa wazise umphathi wekomiti yesekethe wakho. Siya kukhupha ezinye iikopi kunyaka omtsha ozayo.
5. Okwangoku kuya kusivuyisa kakhulu ukuba iinqununu zingaqalisa iprogram yokubuyiswa kweencwadi zezifundo ezikolweni zazo, ukuba azikakwenzi oko. Ukongeza apho, sibongoza iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba ikho yaye iyasebenza kakuhle inkqubo ebanzi yokulawula iincwadi zezifundo ukulungiselela unyaka wesikolo omtsha. Kucelwa uqhagamshelane nomphathi wesekethe yakho okanye nomphathi weze-IMG ukuba ufuna iingcebiso malunga nokuba ungakuqalisa njani na oku.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:11:17

Yenza nelekileyo  (ubukhulu: 382 KB)
Ukugcinwa ngenyameko kweencwadi zezifundo  (ubukhulu: 250 KB)