1. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abafundi bagcinwa bexakekile ngendlela enenzuzo, luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ngethuba leemviwo neleemvavanyo zokuphela konyaka, kwakunye nangethuba elisemva koko neliphela ngosuku lokugqibela lwabafundi nge-10 Disemba 2010. Kubalulekile ke ngoko ukuba zonke izikolo zithobele yaye zilandele ngqo oku kulandelayo:
1.1 Izikolo mazicwangcise ngalunye uviwo lweemviwo zazo zangaphakathi ngendlela eya kwenza ukuba bonke abafundi ababhalayo bagqibe ngo-13:00 ubuncinane. Usuku lwesikolo, ngethuba leemviwo zokuphela konyaka, malungapheli ngaphambi kuka-13:00 kubafundi. Abafundi mababe sesikolweni ngexesha eliqhelekileyo lokuqala kwesikolo.
1.2 Ngethuba leemviwo, bonke abafundi mabahambe isikolo ngosuku ngalunye lwesikolo. Abo bafundi bangabhali zimviwo mabafundiswe izifundo okanye barivayizele iimviwo. Kubalulekile ukuba abafundi bangayekwa nje bengekho phantsi kweliso kwiiklasi zabo.
1.3 Inqununu yesikolo mayidlane iindlebe ne-ofisi yesithili semfundo ukwenzela ukufumana isisombululo ukuba kuthi, ngethuba lokubhalwa kweemviwo ze-NSC, kuphazamiseke ukuhamba isikolo kwabafundi bamanye amabakala ngenxa yeengxaki zendawo yokubhalela.

2. Izikolo ezifundisa amaBakala 10 no-11 mazilungise iithayimthebhile zazo ngohlobo lokuba iimviwo zazo zingaqali ngaphambi koLwesithathu we-10 Novemba 2010. Izikolo ezifundisa izifundo ezinamacandelo epraktikhali zingaqalisa ngeemviwo zazo zepraktikhali ngoMvulo we-8 Novemba 2010.
3. Ngokuxhomekeka kubantwana besikolo eso, izikolo mazicinge ngeentsuku zenkolo (religious days) xa zisenza ithayimthebhile yazo yeemviwo zokuphela konyaka. Usuku lwenkolo emakucingwe ngalo ngethuba leemviwo zangoNovemba nangoDisemba 2010 yi-Eid-ul-Adha nge-17 Novemba 2010. Kodwa makuqatshelwe ukuba lo mhla uxhomekeke ekubeni kobonakale inyanga, njengoko oku kungqinwe ngabasemagunyeni enkolo echaphazelekayo.
4. Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babekho usuku lonke lwesikolo yonke imihla ngeli thuba, kungakhathaliseki nokuba ngaba benza imisebenzi yokugada abaviwa okanye akunjalo. Ootitshala abaza kumakisha iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) akuvumelekanga ukuba baye kumakisha phambi kokuba bagqibe wonke umsebenzi wabo wokumakisha iimviwo zangaphakathi esikolweni nemisebenzi yolawulo yokuphela konyaka esikolweni. ICandelo loLawulo lweeMviwo leSebe iWCED liya kwazisa iinqununu kungekudala ngemihla yokuqaliswa kokumakishwa kwamaphepha oviwo lweNSC. Qaphela ukuba ukumakishwa kwamaphepha oviwo lweNSC akuyi kuqala ngaxeshanye. Ukumakishwa kwamaphepha anabaviwa abaninzi kuqala ngaphambilana kunokumakishwa kwamaphepha anabaviwa abambalwa.
5. Iiprofayili zabafundi nobungqina boko kufundwe ngabafundi (learner evidence of learning), neephothifoliyo neefayili zootitshala mazifumaneke ukulungiselela ukumodareyitha nokudlulela phambili kwabafundi (moderation and progression) ngokwemihla ebekwe zizithili zemfundo.
6. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zingenise iithayimthebhile zeemviwo zazo kubaphathi beekomiti zeesekethe (circuit team managers) ungadlulanga owe-1 Novemba 2010 ukwenzela ukuba bazivume (for approval).
7. Xa zonke izikolo zibakhulula abafundi bazo ngo-13:00 ukuba bagoduke, oku makungachaphazeli amalungiselelo okuthuthwa kwabafundi.
8. Le ngcaciso imfutshane iphelelwa nge-31 Disemba 2010. UMgaqo-nkqubo ongoKuhamba iSikolo kwaBafundi (Learner Attendance Policy) omtsha (iGazethi kaRhulumente No.33150 ye-4 Meyi 2010) uya kuqala ukusebenza nge-1 Januwari 2011 yaye ubonelela izikolo ngeenkqubo ezikumgangatho ofanayo zokurekoda, ukulawula nokubeka esweni ukuhamba isikolo kwabafundi.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:08:25