1. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucebisa iinqununu zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) namagosa ezithili zemfundo ngobhaliso lwabafundi kwangoko ukulungiselela unyaka wesikolo ka-2011. Ichaphazela ikakhulu abantwana abangena esikolweni okokuqala ngqa, abo baqala ukungena kwisikolo esiphakamileyo okanye abo batshintsha izikolo.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liluthatha ubhaliso kwangoko njengeprayorithi eyintsika kumsebenzi ongundoqo wokufundisa nokufunda. Ukusetyenziswa ngokupheleleyo kwexesha lokufundisa kunyaka wokufunda kuyimfuneko ukuze kuphuculwe indlela umfundi aqhuba ngayo kwaye kunokwenzeka oko xa abafundi besazi apho baya kufunda khona.

3. Izizathu zokubhalisa kwangoko:
3.1 Imfundo inyanzelekile kubo bonke abantwana ukuya kwabo baneminyaka eli-15 ubudala.
3.2 Izikolo neSebe iWCED zifuna ukwazi kwangaphambili ukuba zeziphi na izikolo ezizeleyo kwaye izeziphi na ezisenazo izithuba ngo-2011.
3.3 Izikolo neSebe iWCED kufuneka zenze izicwangciso kwangaphambili kwaye ziqinisekise ukuba zonke izibonelelo ziyafumaneka phambi kokuba isikolo siqale ngo-2011.
3.4 Abafundi baphulukana neentsuku zesikolo xa bebhaliswe ixesha seligqithile kwaye bakufumana kunzima ukuleqa umsebenzi wexesha abaphulukene nalo.

4. Abazali kunye/okanye abagcini babantwana kufuneka bakhuthazwe ukuba basebenzise amalungelo neemfanelo zabo xa kubhaliswa abantwana babo ezikolweni:
4.1 Eneneni olu luxanduva lwabazali kunye/okanye lwabagcini babantwana ukubhalisa abantwana ukulungiselela unyaka olandelayo ukuba baza kungena kwiBakala 1, baza kutshintsha isikolo (njengokungena kwiBakala 8 okanye 9) okanye xa befudukele kwenye indawo.
4.2 Abazali kunye/okanye abagcini babantwana mabawuqonde umahluko phakathi komntwana "obhalisiweyo" nomntwana ofakwe "kuluhlu lokulinda".
4.3 Abazali kunye/okanye abagcini babantwana kufukeka bababhalise abantwana babo kwiBakala 1 ukuba umntwana uya kugqiba iminyaka esixhenxe kunyaka olandelayo.
4.4 Abazali kunye/okanye abagcini babantwana abafumana ingxaki yokubhalisa abantwana babo ukulungiselela u-2011 mabaqhagamshelane nee-ofisi zezithili zemfundo ukuze bafumane uncedo. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zinokufunyanwa kwesona sikolo sikufuphi.
4.5 Kuthathwa ngokuba umfundi obhalise esikolweni njengangoku uya kuqhubeka kweso sikolo ade aphume kwibakala lokugqibela apho kuso. Ezinye izikolo zifuna abazali baqinisekise ukuba umfundi uya kuba kweso sikolo nakunyaka olandelayo. Kwimeko enje ngale, inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo malichazele abazali ukuba benjenjalo.

5. Iinqununu zezikolo neeSGBs mazazise abazali kunye/okanye abagcini babantwana ukuba ubhaliso lokulungiselela u-2011 luya kuba nezigaba ezibini:
5.2 isigaba sokuqala kwikota yesibini (nangona ezinye izikolo zisengaba sele ziyiqalile le nkqubo) ukuze
5.2 isigaba sesibini sibe kwikota yesithathu.

6. Izikolo ziyakhunjuzwa ukuba mazibe seziziphendule izicelo zesigaba sokuqala ekupheleni kukaJulayi 2010 ukuze abazali kunye/okanye abagcini babantwana babe nexesha elaneleyo lokukhangela ezinye izikolo ezisenezithuba.
7. Ii-Ofisi zeZithili zeMfundo nezikolo mazibe nenkqubo esebenza kakuhle ukuqinisekisa ukuba ubhaliso kwangoko luya kwenziwa ngendlela eyiyo nangempumelelo.
8. Ziyacelwa iinqununu zezikolo neeSGBs ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, abazali nabagcini babantwana.


ISAYINWE: NGU-JH LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2010:03:25